Umqeqeshi weChippa United, uMorgan Mammila, uthi uphoxekile emva kokuba iqela lakhe lingathelekiswanga nelinye lamaqela amakhulu aseGauteng. OkaMammila ukuthethe oku kwindibano ebingoLwesibini kule veki eGoli – apho kuphehlelelwe khona iCarling Black Label Cup. Iqela likaMammila lithelekiswe neStellenbosch FC – elinye lamaqela alushica ebholeni yaseMzantsi Afrika. Amaqela alushumi elinesithandathu aza kudlalela indebe yeCarling Black Label onke okokuqala kulo nyaka emva kokuba ibidlalelwe ngamaqela amane awavotelwa ngabalandeli kunyaka ophelileyo.
Ethetha emva kokuthelekiswa kweqela lakhe, umqeqeshi weqela laseMpuma Koloni khange ayifihle indlela azive ngayo. “Xa ndithetha inyaniso, ndiphoxekile. Bendiba ndiza kufumana iSundowns emva kokubethwa kwayo emdlalweni wokugqibela weMTN8,” utshilo uMammila ngokukhulu ukuzithemba. Amasandawana abethwe yi’Orlando Pirates kumapenela emdlalweni obuseMoses Mabhida Stadium, eThekwini. “Xa ndingafumani iSundowns, bendiba ndingafumana iPirates okanye iChiefs.
“Ndiphoxekile ngoba xa sidlala nalo maqela, sibanabantu abangaphezulu kwamashumi amathathu amawaka eNelson Mandela Bay Stadium. Ndiyakonwabela ukudlala nalo maqela – kodwa sithelekiswe neStellenbosch ezimiselayo kakhulu ebaleni. Liqela ekunzima ukudlala nalo ngoba liqeqeshekile – kodwa sikubeke kwacaca kule sizini ukuba akukho qela eliza kuyibetha lula iChippa United,” utshilo uMammila. Khange aphelele apho, ugxeke amajelo eendaba ngokungawuncomi umsebenzi wakhe.
Uthi yena uphakathi kwabaqeqeshi abaphambili ebhoelni yaseMzantsi Afrika. “Amajelo eendaba akasincomi ngokwaneleyo. Jonga indlela iChippa edlala ngayo. Lo nto ithetha ukuthi ndingaphezulu kunabanye abaqeqeshi. Akusekho ukubuya umva ngoku. Ndim lo, ndifanelwe yindawo kumaqela akwiTop 8. Nokuba ubani uthini, amanani ayazixela,” utshilo uMammila. Ukuzithemba kwakhe umqeqeshi kubangelwa kukuba iChippa ihleli kwindawo yesixhenxe kwiDStv Premiership emva kokuba iphumelele imidlalo emithathu kwelithoba efumene amanqaku alishumi elinesithathu kuyo.
Ziyakhula iimpawu zembalela eMpuma Koloni