UMokwena ugxeleshe impumelelo eFNB Stadium emdlalweni weMTN8

URhulani Rulani Mokoena ngumqeqeshi wMamelodi Sundowns eza kudibana neKaizer Chiefs emdlalweni weMTN8. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Njengokuba uRulani Mokwena esithi iMamelodi Sundowns izimisele ukwenza ngcono kule, abantu mabalindele umdlalo osezingeni eliphezulu ngakumbi xa idibana neKaizer Chiefs emdlalweni weMTN8 namhlanje emalanga ngo-15:00, eFNB Stadium. Iqela likaMokwena liya kwiChiefs ukuzithemba kufunqukile emva kokuqhuba kakuhle kwiDStv Premiership nasemva kokuyibetha ngo’1-0 kwinyanga ephelileyo eLucas Moripe Stadium. Ethetha neentatheli kule veki, uMokwena uvumile ukuba umdlalo unganabo ubunzima ngoba unemilenze emibini futhi nomdlalo wayo iChiefs uphucukile. “Umdlalo uza kunika umdla ngoba kudibana amaqela abekhe adlala kule sizini,” utshilo uMokwena kule veki eGoli.

“Kodwa siya emdlalweni sifuna iziphumo ezihle ngoba siyayazi lo nto (ukuba) iza kukhulisa ukuzithemba kuthi xa sisiya emdlalweni wesibini. Kule sizini sizimisele ukuphumelela umdlalo ngamnye esiwudlalayo,” utshilo uMokwena ongekabethwa kwiPSL emidlalweni engamashumi amathathu ukusukela oko ethe wathatha iintambo kunyaka ophelileyo. Noxa uxinizelelo lukwiChiefs eneminyaka esibhozo ibhuqwa yindlala – kodwa nayo iSundowns ayifuni ukuphuma kwangoko kwiMTN8 njengakakwisizini ephelileyo ebethwe kuyo yi’Orlando Pirates. UMokwena uza kucaphula kuvimba wamava awafumene kwiCAF Champions League xa elungiselela ukudibana neChiefs emidlalweni emibini kwiMTN8.

“Indlela edlala ngayo iChiefs iphucukile. Ndicinga ukuba idlale kakuhle naMaZulu. Yaphinda yadlala kakuhle ngethuba idibene neStellenbosch FC esokolisayo. Kufuneka ndiphine ndiyibukele indlela edlala ngayo iChiefs ngoba ibonakala ngathi inamandla naxa ibhola ingekho kuyo ngoku. Kukho ukuzinza okukhoyo ngenxa yabadlali abafana noCastillo (Edson) noYusuf Maart. UBradon Petersen uyinika amandla emva kanti kukho uPule Modi noMduduzi Mdantsane abakwaziyo ukudlala ibhola ezithebeni ezivelayo emdlalweni. Ndicinga ukuba izinto zisihambela kakuhle futhi singaphupha ngokuthatha zonke iindebe ezikhoyo kule sizini,” utshilo umqeqeshi weSundowns eyiphumelele yonke imidlalo yayo.