Emva kweminyaka emine njengo kapteni kwiqela lesizwe laseNew Zealand, uBrendon McCullum uzazibeka phantsi intambo kwiqakamba yamazwe ngamazwe ngoFebruwari wonyaka ozayo.
Lo mdlali uqhokrayo uneminyaka engamashumi amathathu enesine, uchazile ukuba imidlalo emibini yovavanyo kunye neqela lase-Australia izakuba yimidlalo yakhe yokugqibela.
UMcCullum ngowesibini kubadlali abakhe baqhokra imitsi ephezulu kwiqela le Kiwi’s. Unemitsi engamakhulu amathandathu amawaka, kwimidlalo engamashumi alithoba anesithoba. Uqhokre ikhulu lemitsi amatyeli alishumi elinanye.
“Ndilithandile ithuba endilifumeneyo lokudlala kwaye ndibe yikapteni yeqela lesizwe laseNew Zealand. Kodwa zonke izinto ezintle zifikelela esiphelweni ekugqibeleni, ndivuyela elithuba lihle ndilifumeneyo,” utshilo uMcCullum.
UKane Williamson nguye ozakuba yikapteni yeNew Zealand kwitumente yeT20 yehlabathi ezakudlalelwa e-India ngomhla wesibhozo ngoMatshi wonyaka ozayo.
UMcCullum wadlala umdlalo wakhe wovavanyo wokuqala ngo2004, bedlala kunye neProteas. Wabekwa njenge kapteni yemidlalo eyahlukeneyo ngo2012. Uzakuba ngumdlali wokuqala owakhe wadlala imidlalo elikhulu yovavanyo, xa ekhokela iKiwi’s zidlala ne-Australia eWellington ngomhla weshumi elinesibini kuFebruary.
UMcCullum nowayekade edlala njengo mdlali ogade izinti, udlale indima ebonakalayo kwimidlalo esixhenxe yovavanyo nalapho bangabethwanga nakomye.
Amapolisa aseMozambique alindele ukuqhambuka kolwaphulomthetho emva kokuqhwesha kwamabanjwa ayi1500