Omnye wabadlali abaphambili kwiqela lesizwe leqakamba uthi okwenzeke emdlalweni ogqithileyo akubothusanga. UMarco Jansen ukuthethe oku emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe AmaNdiya ngoothinti ababini emdlalweni weT20 obubanjelwe eSt. George’s Park, eGqberha, ngempelaveki egqithileyo. Emdlalweni wokuqala, iProteas yaphuma emdlalweni ingcuphuza emva kokuquthiswa ngamaNdiya awaphumelela ngamashumi amathandathu ananye emitsi eHollywoodsbets Kingsmead Stadium.
Phambi komdlalo ogqithileyo, uJansen uthi abadlali baxoxa ngendlela abadlale ngayo emdlalweni wokuqala bezama ukujonga indlela abadlala ngayo ngcono kowesibini. “Emva komdlalo wokuqala siye sathetha singabadlali. Siyenze lo nto sisazi ukuba umdlalo wethu ubungekho mhle. Emdlalweni wesibini, sithe masizame ukudlalela ukuphumelela umdlalo,” utshilo uJansen emva komdlalo obuseGqeberha kutshanje. Uthi baye emdlalweni ogqithileyo benalo ithemba ngoba baqhokra kakuhle emdlalweni wokuqala.
“Emdlalweni wesibini, iingqondo zethu besizimilisele kwiziphumo esizifunayo. Injongo yethu ibikuqokelela kwa nto efumanekayo ngoba kwiT20 nantoni ingenzeka. Nangona siphumelele ngemitsi embalwa – kodwa sancedwa kukwenza kakuhle ngamaxesha athile emdlalweni,” utshilo uJansen phambi kwemidlalo emibini yokugqibela eza kudlalelwa kwiphondo laseGauteng ukusukela namhlanje. Owokuqala uqala namhlanje ngentsimbi yesihlanu emalanga. “Kusoloko kunzima ukudlala ne-India ngoba inabadlali abazithembileyo. Akululanga ukudlalela eGauteng ngoba ibhola ibaleka kakhulu. Kubalulekile ukuqokelela oothinti ukuze kwehle isantya somdlalo,” utshilo uJansen phambi komnye umdlalo obalulekileyo.
Azipheli izimanga kweli, ingaba sinaye urhulumente?