UMali noMaliwa bavul’ amehlo ulutsha ngamathuba amatsha ebholeni ekhatywayo

USinesipho Mali, uThembela Maliwa nabaninzi abebezimase indibano ebiququzelelwe yiSM Sports Consulting kwiveki ephelileyo eGqeberha.

Soze iphinde ifane nakuqala iMpuma Koloni emva komnhyadala obuququzelelwe nguSinesipho Mali noThembela Maliwa abakhokela inkampani ekuthiwa yiSM Sports Consulting kwiveki ephelileyo. La madodana mabini asungule iphulo lokuxhobisa abantu abatsha ngezakhono zale mihla ezihamba nobuchwephesha.

Indibano yokuqala ibiseNelson Mandela University – apho bekukho izithethi ezihloniphekileyo neencutshe ebholeni ekhatywayo eziquke uMuhsin Ertugral, uRulani Mokwena, uSimphiwe Dludlu, uBrendon Fourie, uShwaun Bishop noNene Reis. UMali yintlola (scout), ungumqeqeshi futhi ukwa yincutshe yomhlalutyi ofumene uqeqesho eYurophu.

Kwiminyaka edlulileyo, uMali usebenzele iChippa United, iKaizer Chiefs, aBafana Bafana naBanyana Banyana. Naye uMaliwa yindoda eyaziwayo kakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika. Ebekade esebenzela iMamelodi Sundowns, ngoku uyintloko yobuntlola ebholeni (scout) futhi nguye okhangela abadlali abafanele ukudlala kwiChiefs.

Injongo yabo ephambili kukuphokozela abanye abantu ulwazi namathuba amatsha ebholeni ekhatywayo. Ethetha kwiSABC TV, uMali uthe kudala benombono – kodwa bengenalo kakuhle ithuba ngenxa yokuxakeka. “Yiminyaka ndithetha nalo bhuti (Maliwa) ngokwenza le nto. Umbono wethu uye waqina kulo nyaka emva kokuba sithathe isigqibo sokuyenza le nto ekudala sithetha ngayo.

“Sithe masiyiqale apha ekhaya ngoba sifuna kuntshule abantu abafana nathi apha bengayanga eGauteng njengathi,” utshilo uMali ethetha kuSABC Sport. Waleke umsundulo uMaliwa ngelithi ixesha lide lafika lokuyenza. “Nakubeni ilithuba elide sithetha ngayo le ndibano, ndiyabona ixesha layo belingekafi,” utshilo uMaliwa.

“Mna ndiyintlola ebholeni ekhatywayo. Umsebenzi wam kukukhangela abadlali abanetalente. Sicinga ukuba bakhona abantu abangavela apha eMpuma Koloni bafane nathi. Baninzi abantu abasifowunelayo abafuna sibafundise ukuqokelela ulwazi ngabadlali neendlela zokukhangela italente.

“Ingxaki esinayo kukuba asinalo ixesha lokuyenza lo nto ngenxa yokuxakeka emisebenzini yethu. Namhlanje silapha ngoba sifuna ukuthi ngeke babe ngabaqeqeshi bonke. Zikhona ezinye iindlela. Sifuna ukuba fundisa ngohlalutyo lweenkcukacha nokukhangela italente kwibhola ekhatywayo,” utshilo uMaliwa.