Igqala likanozinti, u-Itumeleng Khune, livakalise ukonzakala kwalo emphefumlweni emva kokuba laxhaywa yiKaizer Chiefs ekudlaleni ibhola phambi kokuqala kwesizini. UKhune, 37, uzityande igila kwindibano yamajelo eendaba phakathi kule veki eGoli emva kokubhengeza isicwangciso sakhe ngobomi bakhe.
IChiefs yamxelela ukuba inenjongo yokumsebenzisa – kodwa hayi ebaleni njengomdlali emva kwamashumi amabini anesihlanu engumdlali wayo. Uthi usafuna ukudlala ibhola ngoba bakhona abadala kunaye abasadlalayo oonozinti. Amakhosi amhlonipha ngokumnika isipho uKhune kwisizini egqithileyo.
Kwabuzwa ukuba yindlela amyekisa ngayo na, impendulo yabaphathi yathi hayi, kubulelwa umsebenzi awenzele iqela eminyakeni engamashumi amabini anesihlanu. “Emva kokuxelelwa ukuba andizukudlala, kwakunzima kum. Zaphela iiveki ezimbini ndilala ndiinyembezana,” utshilo uKhune owafika kwiChiefs esemncinane kakhulu.
“Xa ndandixelelwa ukuba andizukudlala, zange ndikhokelwe. Ndahlonitshwa kodwa ngoba ndaxelelwa ukuba sikhona isicwangciso – kodwa andizukudlala ebaleni. Zange ndikholelwe xa ndisiva ukuba andizuphinda ndidlale. Ndifuna ukudlala ndide ndiqabele kumashumi amane eminyaka. Yiyo lo nto ndisenalo ithemba lokudlala.
“Entliziyweni yam, ikhona into ethi ndingaphindela ebaleni nangomso – kodwa ndiphinde ndivuke ndiqaqanjelwa ngumzimba. Intshisakalo yokudlala isekhona. Ndingadlala, jonga uDennis Onyango. Ndimncinane kuye – kodwa usadlala kwiSundowns,” utshilo uKhune okhathazwe kakhulu kukonzakala phambi kokuchwethelwa ecaleni yiChiefs.
UKhune uxelele iintatheli ukuba uza kusebenzisana nenkampani yokungcakaza ekuthiwa nguTopBet anezabelo kuyo. Nakubeni kunjalo, uthe angabuyela ebaleni xa kukho iqela elimfunayo. “Into emnandi ngoshishino endingena kulo kukuba ndingabuyela ebholeni ngoba eli lishishini lam.
“Ukuba ndiphindela ebaleni, ndingafumana abantu abaza kuba ngoonozakuzaku likhule ishishini,” utshilo uKhune ongavumanga ukutsho ukuba uyekile ukudlala ibhola ekhatywayo. UKhune ngomnye woonozinti abaqaqambileyo abadlalele aBafana Bafana ixesha elide kakhulu.
ICity Tigers iphumelele ngenxa yokuzimisela kwitumente yaseDutywa