USihlalo wePremier Soccer League, uGqirha Irvin Khoza, wothuse abantu abaninzi ngethuba enika ugxa wakhe okwa ngumhlobo wakhe, uGqirha Kaizer Motaung, isipho esixabisa izigidi ezibini zerandi (R2-million). Oku kwenzeke izolo kanye emva kokuvulwa kwenkomfa yolonyulo yePremier Soccer League (PSL) ebanjelwe eSandton Convention Centre, eGoli.
UKhoza noMotaung ngabona bantu abenze umsebenzi omkhulu ukusukela oko kwasungulwa iPSL ngonyaka ka1996. Kanti phambi koko, uMotaung wayekhona ngethuba kusekwa iNational Soccer League (NSL) ngo1985 eyaphucula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.
Ukusukela ngeminyaka yokuqala, uKhoza noMotaung basebenze ngokubambisana kwatsho kwakhula iPSL efumene utyalomali lweebhiliyoni zerandi kwiinkampani eziquka uAbsa, uDStv, uMTN, uNedbank, uCarling Black Label noBetway eminyakeni esondele kumashumi amathathu ePSL ephakathi kweeligi ezinkulu kwihlabathi.
Ngenxa yokukhalipha nobukrelekrele babo bobabini, amaqela adlala kwiBetway Premiership afumana imali engaphezulu kwezigidi ezibini (R2,5-million) ngoku inyanga nenyanga – into eyayingekho kwiminyaka yakudala. UKhoza, ophinde wonyulwa njengoSihlalo wePSL, uthe unika uMotaung isipho ukuze azivise kamnandi watsho emncoma ngokusebenzela ibhola ekhatywayo ngokukhuthala.
“Ndicela amalungu esigqeba esilawula iPSL andinike imvume yokunika uGqirha Motaung imali ezizigidi ezibini zerandi (R2-million) yokuzivisa kamnandi. UGqirha Motaung usebenze ngokukhulu ukukhuthala ebholeni ekhatywayo. Ndiyazi kakuhle intlungu odlule kuyo usakha iKaizer Chiefs neNSL. Yanga uThixo angakusikelela,” utshilo uSihlalo wePSL.
La madoda mabini ngawona aphokeleyo ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika kwicala lezolawulo. Ngawo aweza notyalomali leebhiliyoni zerandi olwayiguqula ibhola layibeka phezulu kwihlabathi iPSL enomtsalana nakubadlali abasuka kooMelika kule minyaka. Ifuthe lePSL licace kakhulu kwiAfrica Cup of Nations ebise-Ivory Coast – apho abadlali abaliqela abadlala kuyo bencede khona amazwe wabo.
Igwetyiwe inkazana eyabulala isithandwa sayo ngenxa yesikhwele!