UHugo Broos akakholwa kokwenzeka kuMokoena noMudau kwiSundowns

UTeboho Mokoena noKhuliso Mudau ngabadlali beMamelodi Sundowns.

Umqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, uHugo Broos, akakholwa yinto eyenzeka kuTeboho Mokoena noKhuliso Mudau nakubeni esithi akukabikho ngxaki okwangoku. Utshilo uBroos emva kokubhengeza amagama wabadlali boMzantsi Afrika oza kudibana neCongo Brazzaville emdlalweni ohlakulela iAfrican Cup of Nations eza kube isekuqaleni konyaka ozayo.

Iqela likaBroos liza kuthathana neCongo ngorhatya ngoLwesihlanu weveki ezayo eNelson Mandela Bay Stadium. UMokoena noMudau abadlalanga kwimidlalo yeBetway Premiership yokuqala. Kwinyanga ephelileyo, uManqoba Mngqithi uthe akonqeni ukungamdlalisi umdlali xa embona ukuba akazimiselanga.

UBroos ubuzwe imibuzo ziintatheli ngoba ubachonge bengadlali kwiSundowns. Njengokuba uMokoena noMudau bengabadlali ababalulekileyo kwiDowns – nakwiqela lesizwe kunjalo. Kodwa ngenxa yomsebenzi omninzi ejongene neSundowns kule sizini, kubonakala ngathi uMngqithi uzimisele ukusebenzisa bonke abadlali anabo.

Umqeqeshi waBafana Bafana uthe akukabikho ngxaki – kodwa ukuba ukungadlaliswa kwabo kuqhubela phambili, uza kunyanzeleka axoze omnye umphini. “Kuyingxaki ukungadlaliswa kwabo kwiSundowns. Nangona kungekabikho ngxaki ngoku – kodwa ukuba ukungadlaliswa kwabo kuthatha ixesha elide, ingxaki iza kuba khona,” utshilo umqeqeshi kwiSABC TV kule veki.

UThemba Zwane noMudau badlalile emdlalweni ogqithileyo eFNB Stadium – kodwa khange adlale yena uMokoena. “Umqeqeshi weSundowns unezizathu ezibangela angabadlali – kunzima ukuyiqonda into ayenzayo kwelam icala. Abadlali abafana noMokoena noKhuliso bagqwesile kwiAfcon ebisekuqaleni konyaka.

Nasemva koko badlale kakuhle kwiqela lesizwe – kodwa ngoku abasadlaliswa. Kunzima ukwamkela ukuyamkela lo nto – kodwa isigqibo sesomqeqeshi weSundowns. Siza kubona ukuba kwenzeka ntoni kubo kwezi veki ezizayo. Ukuba isimo asiguquki, kuza kundinyanzela ukuba ndixoze omnye umphini,” utshilo uHugo Broos.