Umqeqeshi weMarumo Galants, uDan Malesela, uzamkele iziphumo – kodwa wakhala ngobunzima iqela lakhe elizithwalise bona. Umqeqeshi ukuthethe oku emva kokuba iMarumo Gallants igoduke igoqoza ngenqaku elinye emva kokubambana neChippa United ngamagowuli amabini macala emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium kubusuku boMgqibelo odlulileyo.
Umdlalo iwuqale kakuhle iMarumo Gallants ngoba ikhawuleze yabhalisa ebhodini. Ngelishwa layo, uBienvenu Eva Nga uphendule kwangoko emdlalweni ngegowuli alifake ngentloko. Inqaku elinye liyigcine iMarumo Gallants ihleli kwindawo yeshumi elinesine, ngentla kancinci kwiChippa United eqhwayela emva ngoku emva kokuqala isizini eqhubekayo ngendlela encumisayo.
Ukufaka igowuli kuqala nokufaka igowuli seyingaphelelanga zezinye zezinto ezibangele uMalesela acinge ukuba amakhwenkwe wakhe ebefanelwe yinto ebhetele. Iqela lakhe lidlale kakuhle ngoba likwazile ukumelana neChippa linabadlali abangaphelelanga kwisigaba sesibini. “Bekunzima emdlalweni wanamhlanje – kodwa ndibulela iinzame ezenziwe ngabadlali bethu,” utshilo uMalesela ethetha neentatheli emva komdlalo.
“Ndicinga ukuba sizibethe ngokwethu ngamanye amaxesha ngeempazamo esizenzileyo. Bekufanele asiyivumelanga iChippa ifake igowuli lokulinganisa. Kufakwe igowuli lesibini kuthi emva koko salahlekelwa ngumdlali ofumene ikhadi elibomvu. Nangona sense iimpazamo – kodwa abadlali bazamile. Iimpazamo bazenze bezama ukwenza okuhle,” utshilo uMalesela. “Into ekucacayo ukuba kufuneka siyenze kukusebenza ngamandla kwicala lokufaka amagowuli.
“Amathuba esiwafumanayo asiwasebenzisi kakuhle emidlalweni yethu. Singavuya ukuba singavala isizini kude kakhulu ezembeni. Andingetsho ukuba sifuna ukuba kweyiphi indawo – kodwa sifuna indawo ebhetele kunale sikuyo ngoku,” utshilo umqeqeshi eMonti. Emdlalweni weBetway Premiership olandelayo, iMarumo Gallants iza kuzama ukuzithathela amanqaku apheleleyo kwiRoyal Am ethe gabhu kwiingxaki zemali.
Ulwimishe uMusa Khawula useseziseleni