UBruce Bvuma uthi iChiefs iza kulwela impumelelo eHarry Gwala Stadium

Unozinti weKaizer Chiefs, uBruce Bvuma, uthi bazimisele ukuthatha apho bayeke khona ekuqaleni kwenyanga ephelileyo. Imidlalo yeDStv Premier imiswe Amakhosi esaqhothoza kakuhle phambi kokuqala kweAfrican Cup of Nations.

Njengokuba abadlali beKaizer Chiefs befumene ithuba lokuzilolonga elaneleyo nelokuqondana, abalandeli balindele ukuba lifumane iziphumo ezincumisayo. IChiefs iza kudibana neRoyal Am emdlalweni weDStv Premier ekulindeleke ukuba utshise bhe emalanga ngeCawe.

Umdlalo uza kuqala ngecala emva kwentsimbi yesithathu eHarry Gwala Stadium, eMgungundlovu. Ethetha kwikhasi lomnatha, uBvuma uthe iqela lakhe lizimisele ukonwabisa abalandeli ngokuphumelela imidlalo.”Siyihlalutyile indlela edlala ngayo iRoyal Am.

“Ngoku siyayazi ukuba ibotshwa ndawo futhi siyayazi nalapho ibetheka khona,” utshilo uBvuma, onikwe ithuba lokuba ngunozinti ekuthenjelwe kuye yiChiefs emva kwethuba elide kakhulu engadlaliswa.

Amakhosi sele ephulukene nemidlalo eliqela kwisiqingatha sokuqala sesizini. Kunyanzelekile ke ngoku azame ukunyusa umxakatho ukuba afuna ukwenza bhetele kwesesibini. Aza kujongana neRoyal Am ewasokolisayo emidlalweni yeDStv Premiership.

UJohn Maduka uyibeke yecaca into ethi iChiefs akayoyiki konke konke. Nakubeni kunjalo, uBvuma uthe kubalulekile ukubuya namanqaku amathathu ngeCawe. “Siyayazi indlela edlala ngayo iRoyal Am. Umdlalo siya kuwo sisazi ukuba ubaluleke kakhulu kuthi.

“Sifuna ukuya kwiRoyal Am sibuye namanqaku apheleleyo ukuze sonwabise abalandeli bethu kulo nyaka mtsha,” utshilo uBvuma. Umsantsa ophakathi kweMamelodi Sundowns ehleli phezulu neChiefs ekwindawo yesihlanu mkhulu kakhulu.

Ukuze iChiefs ikwazi ukuvala isizini isendaweni ebhetele kunesizini egqithileyo – kufuneka iqokelele amanqaku kusakhanya. Lo nto kufuneka iyiqale ngokubetha iRoyal Am ebila ibanda kule sizini ngenxa yeengxaki enazo.