Kwiintsuku ezingaphezulu kancinci kumashumi amathandathu kufike itumente yehlabathi, amagama wabadlali abaza kumela uMzantsi Afrika abhengeziwe. Oku kwenziwe ngumqeqeshi weSPAR Proteas, uNorma Plummer, kwinkomfa yoonondaba ebibanjelwe eGoli kwiveki ephelileyo. UPlummer ukhethe umxube wabadlali abatsha nabadala aza kuya ngabo kwitumente yehlabathi yomnyazi ekulindeleke ibe nzima kakhulu iKapa ekupheleni kwenyanga yeKhala kulo nyaka ngoba iqela lakhe liza kube lidlalela ekhaya. Emva kwenkampu ebekuphekwa kuyo abadlali, uPlummer uthi ubafumene abadlali abankubeka uMzantsi Afrika endaweni entle xa udibene nezizwe eziphambili kwibhola yomnyazi ehlabathini.
“Ndicinga ukuba sikwazile ukusebenza nabadlali esinabo ukusukela ngomhla wesixhenxe apha kuCanzibe,” utshilo uPlummer oza kusa iSPAR Proteas kwitumente yehlabathi ityeli lesibini. Ubakhethile abadlali, abakhokelwa nguBongiwe Msomi, acinga ukuba banganika uMzantsi Afrika indebe yehlabathi yomnyazi okokuqala. “Sihlanganise abadlali ndawonye ukuze sibalole njengokuba kusondela ixesha lokuqala kwetumente yehlabathi. Emva kwemidlalo yokucweya esiyidlalileyo, siqinisekile ngabadlali esibachongileyo ukuba ngabona baza kuwenza umsebenzi esiwufunayo,” utshilo umqeqeshi weSPAR Proteas eziya kwitumente yehlabathi kulindelwe lukhulu ngabalandeli bomnyazi eMzantsi Afrika.
Kulindeleke abadlali babe semaqeleni wabo kude kuphele isizini yeTelkom Netball League. Emva koko, abadlali beqela lesizwe baza kubuyela kwinkampu eza kube iseStellenbosch ngomhla wokuqala kwinyanga yeKhaya. Eminyakeni engamashumi amathandathu, itumente yomnyazi iza eMzantsi Afrika okokuqala. Usihlalo weNetball South Africa, uNksz. Cecilia Molokwane, uthi baza kulixhasa iqela ukuze liyiphumelele indebe ekupheleni kweyumente. “Sibanike yonke inkxaso abaqeqeshi phambi kwetumente eza okokuqala kwizwekazi le’Afrika. Asifuni ukusingatha itumente sijike sibukele amanye amazwe edlala. Sifuna uMzantsi Afrika namanye ama-Afrika avale itumente. Sithethile nabadlali futhi sabbabonisa ukubaluleka kwetumente yehlabathi kuthi. Siqinisekile ukuba iqela lakhe liza kuqhuba kakuhle,” utshilo uMolokwane.
SPAR Proteas: Bongiwe Msomi (Captain); Karla Pretorius (Vice Captain); Khanyisa Chawane; Izette Griesel; Owethu Ngubane; Refiloe Nketsa; Phumza Maweni; Lenize Potgieter; Lefebre Rademan; Nicola Smith; Jeante Strydom; Nichole Taljaard; Elmere van der Berg; Shadine van der Merwe, Ine-Mari Venter.
UMakhaya Ntini uthi ukulungele ukuncedisa kwiKFC Mini-Cricket