Umdlali oyinjini kwi-Orlando Pirates, uBen Motshwari, uthi abalandeli mabalindele isizini entle emva kokufika kwabadlali abatsha. OkaMotshwari ukuthethe oku emva komdlalo weCarling Black Label Cup obuse-Orlando Stadium, eSoweto – apho iPirates ibethwe khona yiKaizer Chiefs ngo’4-3 kumapenela emva kokubambana ngeqanda emdlalweni. Nangona iPirates idlale kakuhle isebenzisa abadlali bayo abaqhelekileyo – kodwa nabo abadlali abatsha bakwazile ukubonisa ukulungela kwabo isizini entsha. Kwisizini egqithileyo, iBucs ivale isizini ikwindawo yesithathu kwiDStv Premiership futhi inendebe yeMTN 8 eza kuyikhusela kwiveki ezayo. Njengokuba kulungiselelwa ukuqalwa kwesizini entsha, uMotshwari unethemba lokuba iPirates iya kuthatha apho iyeke khona kwisizini ka-2020/21.
“Abadlali abaninzi bagciniwe yiPirates. Lo nto ithi sineqela elizinzileyo. Abadlali abatsha abafana noKwanda Mngonyama bazama ukuziqhelanisa nendlela yethu yokudlala. Uza kusinceda ngoba besingenaye umdlali oyintsika emva kwisizini egqithileyo ngenxa yokonzakala kwabadlali,” utshilo uMotshwari emva komdlalo. “Abadlali abatsha bebefuneka ukuze balinike amandla iqela. Jonga iSundowns, inabadlali abaninzi futhi iyakwazi ukumelana nemidlalo yalapha neyeCAF. Ndicinga ukuba izinto ziza kusihambela kakuhle kwisizini entsha. Sidlale imidlalo emininzi yeCAF kwisizini egqithileyo. Kubekhona ukudinwa ngenxa yokuhamba kakhulu. Sinabadlali abanamava ngoku, okufanele sikwenze kukusebenza ngokuzimisela siziphathe njengabadlali abakwinqanaba eliphezulu,” utshilo uMotshwari.
Umqeqeshi weBucs, uJosef Zinnbauer, ukhala ngabadlali abonzakeleyo nangona kwaye akumkhathazi ukubethwa yiChiefs kwiveki ephelileyo. UGabadinho Mhango noThembinkosi Lorch bebekhona emdlalweni – kodwa kusekho abadlali abafana noZakhele Lepa noTshegofatso Mabasa abangekaphili. “Kunzima ukutyikitya abadlali ube usazi unabadlali ekungathiwa baphilile. Sinaye uMhango ekufuneka siqinisekise ukuba usebenza kakuhle. UMabasa angabuyela eqeleni naye – kodwa ngeke sithi ukulungele ukudlala. Sinabo abadlali abatsha abaza kudibana nabanamava. Sifuna iifolosi zethu ebaleni,” utshilo uZinnbauer.
Ingakho imfazwe yobukhaya eMzantsi Afrika