UBavuma uthi bazimisele ukwenza bhetele kwiChampions Trophy

UTemba Bavuma ngumdlali okwanguKapteni weqela lesizwe leqakamba loMzantsi Afrika. Umfanekiso: CSA/Facebook

UKapteni weqela lesizwe leqakamba, uTemba Bavuma, unethemba lokuba iqela lakhe liza kuqhuba kakuhle kwiChampions Trophy eza kuqala namhlanje. Oku ukuvakaliswe ethetha neentatheli phambi kokuntingela ePakistan esingathe itumente yalo nyaka. Sekulithuba iProteas ithembisa kwiitumente zomdlalo weqakamba.

Ukuphumelela iChampions Trophy ingayinto enkulu kubalandeli ngoba uMzantsi Afrika waqala wagqibelisa ukuphumelela ngonyaka wayo wokuqala ngo1998. Iqela likaBavuma lizamile kwitumente yehlabathi nakwiT20 World Cup ngokulandelelana kwiminyaka edlulileyo. UBavuma uthi bazimisele ukwenza ngcono kunangaphambili.

“Sifuna ukwenza umsebenzi obhetele kuneminyaka edlulileyo. Ndiyazi ukuba izinto zahlukile – kodwa isengabadlali ababekhona aba baza kumela ilizwe. Into efunekayo kuthi kukunyusa umxakatho. Ngonyaka ka2027, abanye babadlali beqela lesizwe bakube bebadala,” utshilo uBavuma ongomnye wabadlali abadala kwiProteas.

“Amaqela esizwe eqakamba omabini (amanene namanenekazi) aqhube kakuhle eminyakeni embalwa egqithileyo. Ngoku kufuneka sithathe sizame ukuya phambili ukuze sikwazi ukuzuza into,” utshilo uBavuma phambi kokuba uMzantsi Afrika udibane ne’Afghanistan emdlalweni wokuqala ngoLwesihlanu. “Besingavuya ukuba singaxhaswa ngumntu wonke.

“Noxa ndingaqinisekanga ngokuxhaswa ngumntu wonke – kodwa thina sizibophelele ekusebenzeleni iqela lesizwe ukuze liye phambili. Sinethemba lokubancumisa abantu ekhaya. Umdlalo wangoLwesihlanu uza kufika siwulungele,” utshilo uBavuma. Kwiveki ezayo, uMzantsi Afrika uza kujamelana ne’Australia neNgilane.