Kusekho into efuna ukucaciswa ngokusebenza kukaManqoba Mngqithi

Njengokuba uRulani Mokwena enikwe uphumaphele kwiveki ephelileyo, iMamelodi Sundowns ayikatsho ukuba ngubani oza kungena endaweni yakhe. Endaweni yoko, iSundowns ibhengeze ukubuya kukaSteve Komphela owenziwe isekela likaManqoba Mngqithi ekungekaphumi lizwi elithi ungumqeqeshi oyintloko.

Indlela izinto ezenzeka ngayo zibonisa ukuba uMngqithi uza kwenziwa umqeqeshi oyintloko weSundowns. Emva kokuhamba kukaPitso Mosimane eminyakeni egqithileyo, uMngqithi waye wanyuselwa. Wancediswa nguMokwena noKomphela ngaxeshanye.

Kwisizini yesibini wachithwa uManqoba emva kokukhutshwa kweSundowns kwiMTN8 kakubi yiPirates. Indawo yakhe yathathwa nguMokwena. Ukusukela oko kwemka uPitso, iSundowns inendlela yayo eyithiya ngayo imisebenzi yabaqeqeshi. UMike Makaab, ongumanejala kaManqoba, uxelele iGagasi FM ukuba iSundowns iza kuzicacisa izinto kwiiveki ezizayo.

“UManqoba ebengumncedisi kaRulani Mokwena. Okwangoku ndingathi uManqoba uza kuba ngumqeqeshi oyintloko – kodwa iSundowns iza kuyicacisa lo nto kwiiveki ezizayo,” utshilo uMakaab kutshanje.

“Ndicinga ukuba ibe sisigqibo esiphucukileyo ukubuyisa uSteve ngoba ebesenza kakuhle kakhulu noManqoba. Futhi okuhle kukuba bayahloniphana,” utshilo uMakaab. Konke oku kwenzeka ingxoxo ngesivumelwano sengqesho sikaManqoba ingekaqosheliswa – kodwa akukho nto ethi angahamba ngoku emva kokugxothwa kukaMokwena.

IMamelodi Sundowns intingele eYurophu kwilizwe lase’Austria – apho iza kwenzela khona amalungiselelo wayo wesizini entsha. Kulindeleke idlale imidlalo yokucweya namaqela aliqela kwiiveki ezizayo ingaphelanga le nyanga.

UManqoba noKomphela baza kwenza umsebenzi wabo bephantsi kweliso elibukhali labalandeli bebhola emva kokugxothwa kukaMokwena ekuthiwe akawenzanga umsebenzi ngendlela ebilindelwe. Oku kwenzeke nakubeni ekwazile ukuphumelela indebe yeDStv Premiership ngendlela encumisayo kakhulu.

Ngaphezulu koko, uMokwena uthathe indebe ye’African Football League ebiqala ukuququzelelwa yiCAF. Okube lilishwa kukuba uMokwena uphoswe lithuba lokuhamba neSundowns eza kuthatha inxaxheba kwiFifa Club World Cup eza kuyinika ibhiliyoni yonke.