ISwallows iquthise iChippa phambi kwabalandeli bayo eBuffalo City Stadium

UDaniel Akpeyi weMoroka Swallows noKwanda Mngonyama weMoroka Swallows emdlalweni weDStv Premiership obuseBuffalo City Municipal Stadium. Umfanekiso: ©Deryck Foster/BackpagePix

Igoduke iphethe amanqaku amathathu iMoroka Swallows emva kokuba iquthise iChippa United ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium. UKaydan Francis ubhakuzelise umnatha kwangoko kwisigaba sokuqala – kodwa uGabadinho Mhango noLwanda Mbanjwa bafake amagowuli anike iSwallows impumelelo ayifunqule ayibeka endaweni entle kakhulu. Nangona iChippa iqale kakuhle – kodwa ayikwazanga ukukhusela igowuli layo. Kuthe qabi kwiSwallows ebhekeleyo ezembeni.

UDaniel Akpeyi ngoyena mdlali obexakekile kwisiqingatha sokuqala somdlalo. Kube njalo ngoba umdlalo ubulawulwa yiChippa United futhi yiyo edale amathuba amaninzi. Abadlali beChippa United bazibonakalise emizuzwini yokuqala yomdlalo. UKaydan Francis, obebotshwe no-Eva Nga Bienvenu phambili, bayiphehluzelise kwanzima iSwallows encedwe nguDaniel Akpeyi obevala kwanto egqithayo. Kodwa emzuzwini weshumi elinesithandathu kwisigaba sokuqala, uKaydan Francis ubhakuzelise umnatha emva kokudlalelwa ibhola entle ngu’Eva Nga.

Umdlalo weSwallow uye wafunquka emva koko ngenxa yegowuli elifakwe kuyo. Khange iyeke iChippa ukwenza iinzame zokufumana igowuli lesibini. URonaldo Maarman, uEva Nga noFrancis bazamile ukudala amathuba nokukhabela iipali amatyeli aliqela – kodwa uAkpeyi ebevalile mba. UGabadinho Mhango ebeyinkathazo kwiChippa United. Akabhaqanga nto kuba ibhola ibifika kuye kakubi exhagwe ngabadlali abafana noThabo Makhele noThabo Malaoa. Khange kubekho mathuba acacileyo weSwallows ngaphandle kweebhola ezimbalwa ezicholwe nguDarren Johnson obengene endaweni kaStanley Nwabali.

Kuye kwabonakala ukuba abadlali beSwallows bangxolisiwe nguMusa Nyatama. Badlale umdlalo omhle kakhulu kwisigaba sesibini somdlalo futhi bebehlasela. Nakubeni kwiChippa kufakwe abadlali abafana noMemela noMahlatsi kwisiqingatha sesibini – kodwa iChippa iye yahlala kakhulu emva kubonakala ukuba ayifuni ukulahlekelwa. Khange imsokolise uJohnson ibhola ebizanywe nguMhango ngoba ibingenawo amandla. Igowuli elifakwe nguMhango kwisigaba sesibini libuyisele iSwallows emdlalweni. Umdlalo uye waphunyelelwa yiSwallows ngegowuli elifakwe nguMbanjwa ekupheleni komdlalo.