IRoyal Am ibethe iSekhukhune United emdlalweni obuseHarry Gwala Stadium

Kuthe qabu kuJohn Maduka emva kokuba iqela lakhe liqokelele amanqaku apheleleyo. Oku kwenzeke emva kokuba iRoyal Am ibethe iSekhukhune United ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obuseHarry Gwala Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Impumelelo yeRoyal Am ibaluleke kakhulu ngoba yeyokuqala futhi iza kunika abadlali amandla xa besiya kweminye elandelayo. Iingxaki ejamelene nazo iRoyal Am beseziqala ukuyiphazamisa ebaleni.

Oku kwenziwa kukutsala nzima kwayo iRoyal Am engakhange ikwazi ukufumana abadlali abatsha ngenxa yesigwebo eyasinikwa yiFifa. Isiqingatha sokuqala besisihle macala ngoba omabini amaqela akwazile ukuhlasela nokudala amathuba. Kuyiwe kwixesha lokuphumla inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye eqandeni iRoyal Am. Iqanda liqhufuzwe nguAyanda Jiyane emzizwini wamashumi amane anesihlanu. Konke oku kwenzeke uLehlohono Seema efake iziqwayi zakhe zabadlali ezifana nooLinda Mntambo, uSipho Mbule noLesedi Kapinga obekade edlalela iPirates.

Isigaba sesibini sinike amaqela omabini ithuba lokwenza izinto bhetele. Khange ichithe xesha iRoyal Am, ibhakuzelise umnatha kwavuya imbinana yabalandeli ebiseHarry Gwala Stadium. Igowuli lesibini lifakwe nguMotebang Sera oyingozi kakhulu phambi kweepali. Ebeqala kule sizini ukuphulukana nomdlalo uSeema. Emva kokubethwa namhlanje, iSekhukhune ilingana neRoyal Am ephumeleleyo ngoba nayo inamanqaku asixhenxe ewafumene emidlalweni emithandathu kule sizini eqhubekayo.

Kweminye imidlalo yanamhlanje, iMarumo Gallants ibambene neTS Gallants ngegowuli elinye macala emdlalweni obubanjelwe eDr Molemela Stadium. USamukelo Kabini ufake igowuli leTS Galaxy ekuqaleni kwesigaba sesibini. Emva kwemizuzu engephi, uXolani Mlambo ufake igowuli lokulinganisa. Ngelishwa layo iMarumo Gallants, igqibe umdlalo ingaphelela ngenxa kaEdgar Manaka onikwe ikhadi elibomvu. Yona iRichards Bay ibambene ngeqanda neStellenbosch FC.