IRichards Bay ifumene inkxasomali yezigidi zerandi phambi kwesizini entsha

Emva kokutsala nzima kwisizini egqithileyo, ikamva leRichards Bay liqaqambile emva kokuba ifumene ufunqu wenkxasomali yezigidi zerandi. Ezi ndaba zidizwe izolo nguSihlalo weRichards Bay, uMnu. Jomo Biyela. Oku kwenzeke kakuhle kusondela ixesha lokuqala kwesizini entsha.

Iqela laKwaZulu-Natal lixhaswe ngemali elikhulu lezigidi zerandi (R100-million) yinkampani ekuthiwa yabantu abamnyama ekuthiwa yiPhakwe Group. Imali ichakwe ngolu hlobo: iRichards Bay iza kufumana iR20-million ngesizini nganye iminyaka emithathu ilandelelana.

Lo mali iyonke yenza iR60-million. Enye imali eyiR40-million kulindeleke ukuba isetyenziswe kwizinto ezingadibananga nabadlali. Emva kokulwa nokubuyela kwiDStv Premiership, kulindeleke ukuba iRichards Bay ikwazi ukuthenga abadlali abaza kuyinceda ingaphindi ijingelwe lizembe xa kuphela isizini.

UMnu. Biyela uthe unethemba lokuba inkxasomali iza kunceda iqela lakhe likwazi ukudlala imidlalo yalo eRichards Bay ngokungafaniyo nakwisizini egqithileyo eliyidlalele kude nabalandeli abalixhase kwade kwase kugqibeleni.

USihlalo wePhakwe Group, uMnu. Thabiso Tenyane, uthe unceda iRichards Bay ukuze ingaphindi izibhaqe ikwindawo ebikuyo kwisizini egqithileyo. “Ndibanika iR60-million eza kwahlulwa kathathu eminyakeni emithathu. Ndiyenza lo nto ndinethemba lokuba baza kuyiphepha imeko abangene kuyo kwisizini egqithileyo.

“Mna ndicinga ukuba lifikile ixesha lokuba iinkampani zabantu abamnyama zixhase abanye abantu abamnyama ngoba ibhola yeyona nto isephantsi kolawulo lwethu. Amaqela angena ephuma kwiPSL ngenxa yokungafumani inkxaso,” utshilo uSihlalo.

Khange iphozise maseko iRichards Bay, izolo ibhengeze abadlali abatsha abathandathu. Amagama wabadlali nguSiyethemba Sithebe, uKeagan Allan, uFezile Gcaba, uSbani Mntungwa, uThabiso Kutumela noTlakusani Mthethwa.

USithebe ubuyele KwaZulu-Natal emva kokuba engakwazanga ukugcinga indawo yakhe kwiKaizer Chiefs ahleli kuyo iminyaka emibini. Kufike noKutumela osuka kwiMamelodi Sundowns ebibolekise ngaye kwiCape Town City kwisizini ephelileyo. Abo ngabadlali ekulindeleke ukuba bancede iqela eliqeqeshwa nguVusumuzi Vilakazi.