Aziyihambelanga kakuhle izinto kwakhona iCape Town City esokolayo engekaphumeleli oko kuthe kwaqala isizini entsha. Namhlanje intywiliselwe yiCape Town Spurs ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium. Le yimpumelelo yesibini yePolokwane City emidlalweni elandelelanayo kule sizini. Ngoku iqela likaLehlohonolo Seema lithe ngcu kwindawo yesithathu kwiDStv Premiership emva kweMamelodi Sundowns ekwindawo yokuqala neSuperSport United ehleli kwindawo yesibini emva kokubetha iCape Town City emdlalweni obuyizolo ebusuku. Kubi kwiqela likaShaun Bartlett ngoba liphulukene nayo yonke imidlalo eliyidlalileyo kule sizini eqhubekayo. Umdlalo wona ubumhle ngoba akukho qela ebelihleli emva kuba lingafuni kufakwe igowuli kulo kuqalwa.
Omabini amaqela adlale umdlalo ovulekileyo. Emdlalweni osekhaya, bekunyanzelekile iPolokwane City isebenzele ukuphumelela. Ifolosi yayo, u-Oswin Appolis, ibeke ibhola emnatheni emzuzwini weshumi elinesihlanu kwisigaba sokuqala somdlalo. Oku kwenzeke emva kokuba abadlali beCape Town City benze iimpazamo ezimbi emhlabeni kanozinti. Idlalile iCape Town City olohlotyana – kodwa into engakwazanga ukuyenza kukufaka igowuli kwisigaba sokuqala. Kubuywe kwisigaba sesibini zaduma futhi. UDouglas Mapfumo ufake igowuli lesibini latsho kaqina ithemba lePolokwane City lokuphumelela. Uphinde wafaka elinye uAppolis emva kokoyisakala kweCape Town City emva. Ifane yafumana igowuli lokubika ekhaya ngebhola efakwe nguKhaya Mfecane emzuzwini wamashumi asibhozo.
Ekugqibeleni iphumelele iPolokwane City ngo’3-1 emdlalweni engasokolanga kakhulu kuwo. USeema uncome umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe emva komdlalo. “Kuninzi esisazama ukwenza kweli qela – kodwa into endiyithanda ngalo yindlela elilwa ngayo. Ndibaqhwabela izandla abadlali emva kokwenza umsebenzi omhle emdlalweni wanamhlanje. Sizimisele ukwenza kube nzima ukubethwa xa sidlalela ekhaya,” utshilo uSeema. Kanti yena uBartlett uthe icekwa lisebadlalini bakhe emva kokubethwa kwakhona. “Sithi abadale amathuba amaninzi emdlalweni. Iziphumo zomdlalo azingqinelani konke konke nezinto ezenzeke emdlalweni. Amathuba asiwasebenzisanga saphinda senza iimpazamo emva. Ngabadlali ekufanele bazibonakalise nabo ngoku. Kufanele siphumelele xa sidlalela ekhaya emdlalweni olandelayo,” utshilo uBartlett emva komdlalo.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!