IPirates igxeleshe ukuwisa AmaZulu emdlalweni olandelayo

UThalente Mbatha we’Orlando Pirates nomdlali weSuperSport United emdlalweni weBetway Premiership. Umfanekiso: Facebook

Umqeqeshi we’Orlando Pirates, uJose Riveiro, uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo ogqithileyo. Emva kokubethwa kwiCarling Knockout kutshanje, iPirates ikhuphele umsindo kwiSuperSport United eyibethe ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe e’Orlando Stadium ekuqaleni kwale veki. Amagowuli ephumelele ngawo iPirates afakwe yifolosi uEvidence Makgopa noDeon Hotto.

Ukubetha Amatsatsantsa kuyithathe kwayibeka phezulu kwiBetway Premiership okwethutyana emva kokuyiphumelela yomine imidlalo yayo. URiveiro uvumile ukuba kuthe qabu kuye ngoba kunzima ukudlala neSuperSport United. Bekunjalo ngokwenene. Ilwile yona kwisigaba sesibini – kodwa iPirates incedwe kukuba iluqilima emva kakhulu. “Amanqaku amathathu esiwafumeneyo abaluleke kakhulu kuthi.

“Njengoko bendikhe ndatsho, akululanga ukudlala neSuperSport. Kufuneka uzilungiselele ngokuphelele ngoba umdlalo uyakwazi ukujika ube rhabaxa. Kumnandi ukudlala nayo, siza kwamkela amanqaku siye phambili,” utshilo umqeqeshi emva komdlalo.

Njengokuba iPirates ingasekho kwiCarling Knockout ekhutshwe kuyo yiMagesi FC ngo’3-2 ngempelaveki egqithileyo, ngoku into ebalulekileyo kuyo kukulwa kwiBetway Premiership ekulindeleke ukuba ilwe neMamelodi Sundowns kuyo.

IBucs iza kwamkela AmaZulu emdlalweni weBetway ngorhatya ngoLwesihlanu e’Orlando Stadium. “Kweli xesha lesizini, ukuqokelela amanqaku kubaluleke kakhulu. Kuhle ngoba siya emdlalweni olandelayo emva kokuphumelela. Akululanga ukuphumelela imidlalo elandelelanayo,” utshilo uRiveiro ogxeleshe impumelelo emdlalweni olandelayo.

“AmaZulu liqela elidlala kakuhle kakhulu. Siza kuzama ukuphumelela umdlalo njengaxa sidlala namaqela onke apha e’Orlando Stadium,” utshilo uRiveiro.