Intliziyo kaNabi ityumzwe yaziingceba yiSuperSport United

UMiguel (Inacio) weKaizer Chiefs noChristian Saile weSuperSport United emdlalweni weBetway Premiership izolo. Umfanekiso: KC/WhatsApp

Bekumnandi kuNasreddine Nabi emva komdlalo weNedbank Cup ngempelaveki egqithileyo ngoba iKaizer Chiefs ivelise iintlantsi ezithembisayo. Amagowuli amathathu ebethe ngawo iChippa United athumele umyalezo kwamanye amaqela othi: iChiefs iyavuka. Kodwa izinto ziphinde zajika zakrakra kwangoko, ingakumbi kumqeqeshi ozama ukuvusa Amakhosi.

Abalandeli balele bonzakele emva kokuba Amakhosi evuthululwe ngamagowuli amane kwelinye yiSuperSport United emdlalweni weBetway Premiership obuseFNB Stadium ebusuku ngoLwesibini kule veki. Okuthe kwancitha iChiefs kukuba amanye amagowuli weSuperSport afakwe nguSamir Nurkovic noChristian Saile abasuka kuyo.

Emva komdlalo, umqeqeshi uthe iqela lakhe lonzakaliswe kukungabikho kwexesha lokuphumla kakuhle. “Ngumdlalo obunzima futhi oshiye iintliziyo zethu zibuhlungu,” utshilo uNabi ethetha neentatheli emva komdlalo eFNB Stadium. Amakhosi agqagqaniselwe kwangoko yiSuperSport esebenzise icala likaBradley njengesiqhelo yafumana igowuli kwangoko emdlalweni.

Ulifakile igowuli lokulinganisa uGlody Lilepho – kodwa alincedanga nto ngoba Amatsatsantsa abuye ngamandla agalela amanye. “Ngumdlalo esiphise ngawo lo. Andifuni ukubokanala njengomntu okhangela isebe lokuzimela – kodwa ziintsuku ezimbini qha ebesinazo phambi kwalo mdlalo.

“Idlalile yona iSuperSport kakhulu – kodwa andivumelekanga ukuba ndichaze izizathu noxa zikhona zona,” utshilo uNabi ophantsi koxinizelelo ngenxa yeChiefs ebashushu iphinde ibande ngokukhawuleza. “Xa umzimba udiniwe, akubikho nto elungayo. Kufakwe amagowuli kwangoko kuthi asabinayo impendulo. Njengoba benditshilo, xa umzimba wonele – akukho engahamba kakuhle.

“Siphumle iintsuku ezimbini kuphela – kodwa lo nto ayinciphisi ukudlala kakuhle kwethu emdlalweni wanamhlanje. Kubuhlungu kum ngoba siyabona ukuba siyiphe amagowuli amathathu iSuperSport United. Kodwa zizinto ezenzeka nakumaqela amakhulu ebholeni ekhatywayo,” utshilo uNabi ekhathazekile.