Kwimpelaveki egqithileyo, amaqela amathandathu amantombazana adlala ibhola ekhatywayo ayiphethile isizini yawo yeSAFA O.R.Tambo Women’s League. Iqela ekuthiwa yiNothintwa Ladies ligoduke liziintshatsheli ezintsha emva kokuba livale isizini likwindawo yokuqala.
Kanti indawo yesibini ibanjwe yiJubase Academy – iqela lebhola yamanenekazi laseMthatha. Nakubeni iJubase Academy ibisilwela ukufumana indebe – kodwa iyamkele ngolukhulu uvuyo indawo yesibini ngoba, ebadlalini nakubaphathi, ithethe ukuba kukho inkqubela eyenziweyo liqela.
Injongo yeJubase Academy kukuphuhlisa abantwana abangamantombazana ngebhola ekhatywayo eyaqalwa nguHoseya Jubase wakuQumbu – kodwa ongumhlali waseMthatha ozibopheleleyo kuphuhliso lolutsha.
Ethetha neli phephandaba, uJubase uyichaze impumelelo yeqela lakhe njengento enkulu kakhulu kubo. “Yinto enkulu le eyenziwe ngabadlali bethu,” utshilo ngempelaveki. “Kuthiwa abazali babantwana bavuye kakhulu xa bebuyela emakhaya bephethe iimbasa nekiti entsha kraca.
“Ndiyababulela abazali ngokundithemba bandinike nabantwana babo. Ukufumana kweJubase Academy indawo yesibini kuyasikhuthaza singabaphathi nabadlali ababonise ukukhula nokuyithanda ibhola ekhatywayo.
Ndithandazela ukuba kubekho umdlali wethu oza kudlalela iqela elidlala kwiHollywoodbet Super League,” utshilo uJubase obulalekayo ngenxa yeendleko eziphezulu zokuthutha abadlali xa besiya kwiindawo zokudlalela.
“Andikhali kodwa ngoba le ndiyenza ngothando. Ngoku silungiselela itumente eza kube iseNgcobo – apho kulindeleke sidibane namaqela anabadlali abadlalela amaqela akwiSuper League nakwiSasol League.
Abantwana bam baza kufumana ithuba elihle lokuziva amandla koompondozihlanjiwe abadlala kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika,” utshilo uJubase emva kokuba iqela lakhe lidlale ntanganye ngeqanda neNothintwa Ladies emdlalweni wokuvala isizini.
UMzantsi Afrika uzama inzolo eMozambique