Nangona eneminyaka eliqela engasekho emhlabeni – kodwa umzila kaBawo uNgumbela usekhona kwicandelo lezemidlalo. Oku kucace gca kweyona tumente yeqakamba enkulu kwiphondo leMpuma Koloni ekuthiwa yiNgumbela Cricket Tournament.
Le tumente yasungulwa ngonyaka ka1989 litshantliziyo lezemidlalo elalibalasele nakwezoshishino, uBawo Mthethelei Ngumbela osweleke kwiminyaka egqithileyo. Kwangomhla wayo wokuqala eHealdtown, yaba kukunika abantwana abamnyama ithuba lokudlala iqakamba eyayikade ingumdlalo wabamhlophe kuphela.
Emva kwetumente ethathe usuku lonke kwiveki yokuqala kulo nyaka, iTyatyora Hard Catch igoduke nendebe emva kokudlula kwiTownship United Brothers ebiziintshatsheli zonyaka ophelileyo. Indawo yesithathu ithathwe yiSheshegu ilandelwa yiLamyeni Hard Catch.
Abadlali abathe baqaqambisa izakhono zabo kwitumente yalo nyaka baquka uBright Njanji obengumdlali oqaqambe emdlalweni wokugqibela, uSinethemba Tshomela naye uAviwe Hoko.
Abadlali ababini beqakamba, uEmihle Mguqi noXolani Tshomela, bayichaze itumente njengeluncedo kakhulu kwicala lophuhliso leqakamba. Babalule itumente kaBaw’ Ngumbela njengevulela abadlali abasantshulayo kwiqakamba amathuba okukhula nokubonwa ngamaqela asemgangathweni ongasentla kwiqakamba yaseMpuma Koloni.
“Le tumente yenze umahluko omkhulu ebombini bam. Ndafumana ithuba lokufunda eDale College ngenxa yale tumente,” utshilo uMguqi. Kanti yena uTshomela uthe: “Into entle ngale tumente kukuba idibanisa abantu ndawonye futhi nabadlali abasakhulayo bafumana ithuba lokudlala namaqela asemgangathweni.”
Ethetha emva kokusongwa kwetumente, uMnu. Simphiwe Tsipa, uwuqhwabele izandla umsebenzi owenziwe ngamaqela nabadlali kwisiqendu salo nyaka. Ngaphezulu koko, wongeze ngelithi baza kuzama ukuhlomela imidlalo yamantombazana.
“Sibone kukho imfuneko yokuyandisa itumente. Sesithethile nezikolo ngoba ngeke le tumente iphumelele ngaphandle kwenkxaso yazo. Ukusukela kunyaka ozayo, sifuna itumente ibe nemidlalo yamantombazana,” utshilo uTsipa ethetha neSABC News kutshanje.
Imibutho yezopolitiko kwiziphumo zikaGrade 12