IChippa United neRichards Bay zilwela iindawo eziphezulu kwiDStv Premiership

Abadlali beChippa United. Umfanekiso: © Ryan Wilkisky/BackpagePix

Iqela likaMorgan Mammila, iChippa United, liya emdlalweni olandela lisophisa emva kokubethwa emdlalweni ogqithileyo. Ebusuku ngoLwesibini wale veki, iChippa ibethwe yiCape Town City ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eCape Town Stadium. Iqela laseMpuma Koloni liye emdlalweni likhuthazekile emva kokuphumelela imidlalo emine ilandelela. Lilo eliqale lophisa emdlalweni ngegowuli elifakwe nguRonaldo Maarman emva kokunikelwa ibhola ayibekelwe ngobuchule nguSiphelele Luthuli emzuzwini wamashumi amathathu kwisigaba sokuqala somdlalo.

Ibuye ngamandla iCape Town City kwisigaba sesibini ngamagowuli amabini afakwe nguThamsanqa Mkhize noKhanyiso Mayo. Amanqaku amathathu ebeza kuyibeka kwindawo yesithathu iChippa United. Ukubethwa kwayo kuthetha ukuthi uMammila kufuneka akhuthaze amakhwenkhwe wakhe ukuze alungele umdlalo olandelayo obalulekileyo. Akukho xesha lakuphumla ngoba iChippa kufuneka ilungiselele ukudibana neRichards Bay emdlalweni weDStv Premiership oza kube ungentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe, eBidvest Stadium. Ngumdlalo onzima kumaqela omabini. IChippa ifuna ukulungisa izinto emva kokubethwa kwayo eKapa ukuze ikwazi nokunyukela phezulu kwiDStv Premiership.

Kanti yona iRichards Bay ifuna ukuphumelela ukuze ihlale kwindawo yesibini emva kweMamelodi Sundowns ekwindawo yokuqala. Kweminye imidlalo ebisekuqaleni kwale veki. Amasandawana avuthulule iMaritzburg United ngemvula yamagowuli amahlanu eqandeni. Iziphumo ezihle zilandela ukunikwa kukaRulani Mokwena isihlalo sokuba ngumqeqeshi oyintlo oncediswa nguSteve Komphela noManqoba Mngqithi othotyiselweyo emva kokuba iDowns ikhutshwe yiPirates kwiMTN8 Cup. Abalandeli bebhola ekhatywayo kulindeleke bonwabele eminye imidlalo yeDStv Premiership eza kuba nomtsalane kakhulu.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Lwesihlanu: Maritzburg United vs Golden Arrows @Harry Gwala Stadium, 19:30

Mgqibelo: Orlando Pirates vs Kaizer Chiefs @FNB Stadium, 15:30; Marumo Gallants vs Cape Town City @Peter Mokaba Stadium, 17:30; Royal AM vs Mamelodi Sundowns @Chatsworth Stadium, 18:00

Cawe: SuperSport United vs Swallows FC @Lucas Moripe Stadium, 15:30; TS Galaxy vs Sekhukhune United @Mbombela Stadium, 15:30; Chippa United vs Richards Bay @Bidvest Stadium, 15:30