Bekutheni ukuze uNasreddine Nabi anikwe ikhadi elibomvu?

UNasreddine Nabi ngumqeqeshi weKaizer Chiefs. Umfanekiso: KC/Facebook

Isekelamqeqeshi kwiKaizer Chiefs, uKhalil Ben Youssef, livakalise ukungonwabi kwalo yindlela usompempe awuphethe ngayo umdlalo wayizolo eThekwini. Amakhosi asophisa emva kokuba ebethwe yiGolden Arrows ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium izolo emalanga. Abafana Bes’thende bafumene impumelelo yokuqala phantsi kwabaqeqeshi abakhoyo emva kwegowuli elifakwe nguGladwin Shitolo kwisigaba sesibini somdlalo.

Emva komdlalo, uKhalil Ben Youssed, uye wathetha neentatheli endaweni kaNasreddine Nabi onikwe ikhadi elibomvu. Ngokutsho kwakhe, uNabi unikwe isohlwayo ngusompempe emva komdlalo ngoba ukhalazele ukwenzelelelwa kweGolden Arrows emdlalweni wayizolo. Abaqeqeshi beChiefs bacinga ukuba indlela iGolden Arrows etshintshe ngayo abadlali ibihamba nokutya ixesha lomdlalo. Ngaphezulu koko, bacatshukiswe kukongezwa kwemizuzu emithathu qha – kodwa iGolden Arrows itye ixesha ngethuba ifaka abadlali abahlanu emdlalweni.

“Into eqhelekileyo emidlalweni yebhola ekhatywayo, xa ufaka umdlali ebaleni kongezwa imizuzwana engamashumi amathathu (30 sec). Zingaphi iinguqu esizenzileyo kwisigaba sesibini? Awuzazi,” utshilo uBen Youssef ebhekisa kwiintatheli. “Yenze iinguqu ezintlanu iGolden Arrows, thina senze ezintathu. Lona ikhadi elibomvu ulinikwe umqeqeshi ngoba uye kusompempe wambuza ngeenguqu ezenziwe emdlalweni. Ukutya ixesha nokuziwisa kwabadlali yindlela iGolden Arrowa etye ngalo ixesha.

“Endaweni yemizuzu emithathu eyongezelelweyo, bekufanele ukuba kongezwe imizuzu emihlanu. Sesidlale imidlalo elishumi elinambini, kusoloko kusongezwa imizuzu emihlanu. Xa usongeza imizuzu emithathu, uphinde uyiyeke yenze into eyithandayo kungekho nekhadi olukhuphayo, uyinika ithuba lokuba iphumelele. Sicinga ukuba usompempe uyincedisile iGolden Arrows,” utshilo uBen Youssef. Emidlalweni yale sizini eqhubekayo, Amakhosi sele ephulukene nemidlalo emihlanu yonke.