Ayivule ngendlela encumisayo Amakhosi isizini yeBetway Premiership!

Inacio Miguel weKaizer Chiefs noGabadinho Mhango weMarumo Gallants emdlalweni weBetway Premiership obuseBloemfontein Stadium. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Bancume olukabhulankethe abalandeli beKaizer Chiefs emva kokuvula isizini ngendlela encumisayo. Amakhosi abethe iMarumi Gallants ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni weBetway Premiership obushushu ngendlela emangalisayo eBloemfontein Stadium ngorhatya lanamhlanje.

Zimbini izinto ezingancumisa abalandeli beChiefs ngomdlalo wanamhlanje. Amagowuli ephumelele ngawo afakwe ngabadlali abancinane futhi abaveliswe yiChiefs edlale umdlalo onika ithemba kunesizini egqithileyo.

Uphoxekile uDan Malesela ngoba ebefuna ukuzuza phambi kwezihlwele zabantu ebezigcwelise ibala laseBloemfontein enuthuba elide ingafumani imidlalo ekwinqanaba eliphezulu. Okuhle kukuba iMarumo Gallants iza kuyidlalela kwela phando (Free State) yonke imidlalo yayo kule sizini entsha. Utake iintlantsi zisuka umdlalo.

Nakubeni iMarumo Gallants ibhalise kuqala ebhodini ngegowuli likaSekela Sithole emzuzwini weshumi elinambini – kodwa yiChiefs edale amathuba amaninzi. UWashington Arubi unqande amanzi engena endlini iChiefs ifikile. Bekufanele ukuba iChiefs iwusonge kwangoko umdlalo kwisigaba sokuqala – kodwa akunganga njalo ngenxa kaWashington Arubi ovalileyo ezipalini.

UBradley Cross noRanga Chivaviro bafumene amathuba amahle okufaka amagowuli – kodwa khange avume uArubi. Igowuli lokulinganisa lifakwe nguMduduzi Shabalala. Kuye kwanyanzeleka ukuba uWashington Arubi akhutshwe emva kokupetyela echitha ibhola kaCross phantsi kweepali zakhe.

UGaston Sirino ngoyena mdlali owenze iChiefs yadlala ngcono encediswa nguShabalala emva kukaRanga obeyifolosi ethembekileyo. Abadlali abafana noXola Mlambo, uLebogang Mabotja noJoseph Molangoane bawuphakamisile umdlalo weMarumo Gallants ebidlalela ukuphumelela.

Igqejwe iduma elibi nguMfundo Vilakazi ofake ibhola entle ayidlalelwe nguWandile Duba angene naye kwisigaba sesibini somdlalo. Amakhosi aza kuya emdlalweni wesibini ukuzithemba kufunqukile emva kokuzuza amanqaku amathathu emdlalweni wanamhlanje eBloemfontein.