AmaZulu ahleli phezulu kwiDStv Premiership emva kokuba ebethe iSwallows FC ngo’3-2 emdlalweni obumhle kakhulu eDobsonville Stadium ebusuku namhlanje. Umdlalo wala maqela mabini sowungabalwa njengeminye yemidlalo ethe yaqaqamba kule sizini ngenxa yomgangatho wawo obuphezulu namagowuli amahlanu afakwe ngamaqela omabini. Ekugqibeleni, AmaZulu aziqhawule iimpiko iiNyoni zaseDube kwaphela ngazo nangona bezikhokela emdlalweni. Isiqingatha sokuqala siphele Usuthu luhamba phambili ngegowuli elifakwe nguGabadinho Mhango ngobuchule emva kokunikelwa ibhola entle nguKeagan Buchanan obe ngoyena mdlali ogqwesileyo emdlalweni wanamhlanje.
Khange azibambe amaqela omabini, ilelo nelo belidlalela ukufumana igowuli okanye amagowuli okuphumelela umdlalo. Bekufanele ukuba iSwallows ikhe yabhakuzelisa umnatha – kodwa ayikwazanga emva kokuba uVeli Mothwa eyichithele ngaphandle ibhola ebikhatywe nguLindokuhle Mtshali. Nangona iindwendwe bezikhokela kwisigaba sokuqala, iSwallows ifumene igowuli lokulinganisa ngebhola efakwe nguKeegan Allan. UBrandon Truter ukhuphe uYagan Sasman odlala emva, endaweni yakhe wafaka uMthokozii Shwabule. Ziye zakhokela iiNyoni zaseDube emva kokuba uKeegan Allan efake ipenela. AmaZulu afumene ithamsanqa ngethuba uThakasani Mbanjwa engebambi kakuhle ibhola engene emnatheni wakhe isuka ekoneni.
Phambi kokuphela kwexesha lomdlalo, uMbongeni Gumede ufake igowuli lesithathu loSuthu kwaphela ngeSwallows ephuncule umdlalo sele usengxoweni. Emva kwemidlalo emine, AmaZulu athe ngcu phezulu kwiDStv Premiership emva kokuphumelela imidlao emithathu ilandelelana. Yona iSwallows ibethwe kabini, yadlala ntanganye komnye yaze yawuphumelela omnye. Ukuhlala kwawo AmaZulu phezulu kuxhomekeke kakhulu emidlalweni emininzi edlalwa ngomso. Ukuba amaqela afana neTS Galaxy neRichards Bay aphumelele, angabuyela phezulu lona Usuthu luhlele ngezantsi kancinci.
Swallows FC: Mbanjwa, Lukhubeni, Sasman, Sait, Khupe, Allan, Mvelase, L.Mtshali, Mthethwa, Patjie, Isaacs.
Amalalela: Tshabalala, Musonda, Makua, Lesako, S.Mtshali, Khumalo, Amoojee, Damons, Shwabule.
AmaZulu: Mothwa, Sikhakhane, Hanamub, Gumede, Mobara, Buchanan, Makhaula, Maluleka, Kwem, Mhango, Ntuli
Amalalela: Amonome, Mphahlele, Zulu, Kunene, Brooks, Magaqa, Zuma, Maduna, Majoro.
UDuduzile Zuma-Sambudla uza kuvela enkundleni ngenxa yodushe lwango2021