Amaqela aseMzantsi Afrika adlala kwiSuper Rugby namanye wehlabathi atsala-tsalana ngabadlali beSouthern Kings.
Oku kulandela ukuphuma kweKings kwiSuper Rugby ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Ekuqaleni kwalo nyaka iSanzaar yagqiba kwelokuba icuthe inani lamaqela adlala phantsi kweSuper Rugby – ngelishwa uMzantsi Afrika kuye kwanyanzeleka ukuba unikezele ngamaqela amabini: iKings neCheetahs.
IKings izuze nempumelelo ebalulekileyo nangona ifumene ezi ndaba zimbi kwiveki ephelileyo, ibethe iBlue Bulls ngo’31-30 kumdlalo obuseLoftus Versfeld Stadium. Le ibe yimpumelelo yeKings ebonisayo ukuba ukudelelwa kwayo bekungafanelanga kuphakanyiswa ngaphezulu kweenzame zayo namandla wayo kumdlalo wombhoxo okwinqanaba eliphezulu.
Ngoku eli qela lombhoxo laseMpuma Koloni lixakekile, likhangela indawo yokudlalela kwiPro 12 nakwiPro 14 ngaph’ eYurophu kwisizini ezayo – imibutho ebandakanya amaqela ombhoxo aphuma kumazwe afana neWales, i-Ireland ne-Italy.
Ngenxa yokungaqiniseki ngekamva leKings – abadlali bayo bathathwe ngamanye amaqela aphambili kweli lizwe. Ukapteni weKings, uLionel Cronje, usendleleni eya eJapan, umdlali wasephikweni uMakazole Mapimpi uya kwiCheetahs ephumayo kwiSuper Rugby, uChris Cloete uya kwiPumas, * -Irne Herbst noDayaan van der Westhuizen baya kwiBulls.
UCronje ushiya iKings emva komsebenzi oncomekayo noogxa bakhe kwisizini edlulileyo phantsi kwezo meko zokuhexa kolawulo olwakhokelela ekusingathweni kweqela yiSaru.
Umqeqeshi weli qela, uDion Davids, unentliziyo ezingceba ngenxa yokubona iqela labadlali aliqokelele nzima liphasalaka – kodwa uqinisekile ukuba uzakwakha iqela eliluqilima kwakhona.
“Ndingathi kube lilishwa elikhulu okusehleleyo. Ebomini bam kulo mdlalo wombhoxo zange ndilifumane ithuba lokusebenza neqela elipheleleyo iisizini ezimbini zilandelelana. Kunzima ukuqalela izinto phantsi,” utshilo uDavids.
NgoLwesihlanu ngentsimbi yesihlanu emalanga, iKings yamkela iToyota Cheetahs kumdlalo wala maqela kwiSuper Rugby ekulindeleke ubenzima eNelson Mandela Bay Stadium.
Liza kuxoxwa kunyaka ozayo ityala likatitshalakazi ongenamatriki oberhola ngapha kwesigidi