Amakhosi antywilisele iChippa United kwaphela ngayo kwiNedbank Cup

Abadlali beChippa United neKaizer Chiefs emdlalweni obuseFNB Stadium namhlanje. Umfanekiso: KC/WhatsApp

Adlulela phambili Amakhosi emva kokuba entywilisele iChippa United ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eFNB Stadium namhlanje ngorhatya. Izihlwele zabalandeli zigoduka zincumile emva kokuba iKaizer Chiefs iphumelele umdlalo wesithathu ilandelela okokuqala kule sizini eqhubekayo.

Amathuba okubhalisa ebhodini ebekhona ngoba nayo iChiefs ibinazo iimpazamo – kodwa abadlali beChippa badlale ngawo amathuba avelileyo kwisigaba sokuqala. Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amakhosi enkqenkqeza phambili ebhodini ngegowuli elinye eqandeni. Bekucace gca umdlalo usaqala ukuba afuna ukufumana igowuli ngokukhawuleza.

UGlody Lilepo, uGaston Sirino noPule Mmodi ngabadlali abafunqule umdlalo futhi bahlasela ngendlela encumisayo. Emzuzwini weshumi elinesithathu, uSirino ubhakuzelise umnatha ngebhola ayidlalelwe ngobuchule nguFrosler obeyinkathazo kakhulu ekunene. UStanley Nwabali khange akwazi ukufikelela kuyo ibhola.

Emva kwegowuli, kuye kwanyanzeleka ukuba iChippa United inyuse iikawusi ngoba iChiefs ibingxamele ukufaka igowuli lesibini. Amakhwenkwe kaThabo September akwazile ukudlala umdlalo ozinzileyo futhi besiya phambili ngendlela encomekayo. USinoxolo Kwayiba, uBienvenu Eva Nga noPhilander bebeyithe kakubi kakhulu iChiefs ekuthambekeni kwesigaba sokuqala.

Emva kwesiqalo esibini, babuye ngamandla emdlalweni – kodwa abakwazi ukuwasebenzisa kakuhle amathuba avelileyo. Isigaba sesibini sinike umdla kakhulu ngoba iChippa United ibuye isenamandla. Abadlali bayo bawulawule umdlalo – kodwa abakwazi ukufumana igowuli. Amakhosi adlale umdlalo odikidiki.

Izinto ziguquke kwakufakwa abadlali abatsha abatsha. UStanley wenze impazamo kwavela ipenela efakwe ngu-Inacio Miguel. Emva koko, uPule Mmodi ufake igowuli elintywilisele iChippa kwaphela ngayo. Iphele njalo indlela yeChippa ebeke iliso layo emidlalweni yeBetway Premiership efuna ukwenza bhetele kuyo.