UHugo Broos ngumqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.
Image: Itumeleng English Independent Media
Ekuqale kwale veki, uHugo Broos ubhengeze amagama wabadlali abaza kudlalela iqela lesizwe lebhola ekhatywayo elilungiselela ukuya kwiAfrica Cup of Nations ekuthambekeni kwale nyanga eMorocco.
UBroos ucuthe inani elingamashumi amahlanu waphuma namashumi amabini anesihlanu. Baliqela abadlali abashiyileyo nangona benexesha elide benceda aBafana Bafana endleleni ebisiya kwiAFCON nakwiFIFA World Cup.
Phakathi kwabadlali abagecwe lizembe kukho uThemba Zwane, Iqraam Rayners, uThapelo Morena noPatrick Maswanganyi. UZwane, abesoloko elilisela ngaye kwiinyanga ezidlulileyo, umshiyile ngoba unethuba elide onzakele noxa edlalile emdlalweni weCAF Champions League kwiveki ephelileyo.
Noxa ukushiywa kwabadlali abafana noMduduzi Shabalala noThabiso Monyane - kodwa ukungamchongi uThembinkosi Lorch edlala kakuhle eMorocco kushiye abanye abantu benemibuzo.
Njengesiqhelo, umqeqeshi waBafana Bafana uyithethelele indlela indlela akhethe ngayo abadlali phambi kweAFCON ekulindelwe lukhulu kuyo phambi kwetumente yehlabathi.
"Into yokuqala ebalulekileyo ngumgangatho womdlali. Xa ukhetha uzimbuza umbuzo othi: ingaba umdlali ngoyena oqaqambileyo kule ndawo ndimchongela yona?" utshilo uBroos ethetha kwiSABC Sport izolo emini.
"Enye indlela endijonga ngayo kukuthi xa kwenzeke ingxaki, ndingancedeka ndawoni? Yinto endiyijongileyo ngoba zininzi izinto ezenzeka xa kudlalwa itumente. Umzekelo emdlalweni esawudlala neMali eminyakeni emibini eyadlulayo sabona emdlalweni ukuba iqela lethu alinawo amandla futhi kwanyanzeleka ukuba senze iinguqu ukuze sifumane iziphumo ezihle," utshilo uBroos.
ABafana Bafana baza kuya enkampini kungekudala phambi kokuntingela eMorocco - apho baza kudibana namazwe aquka iYiphutha, Angola neZimbabwe. Kanti kwelinye icala, uBroos uza kuya eMelika - apho kuza kube kuthelekiswa amaqela aza kudlala imidlalo yetumente yehlabathi kwinyaka ozayo ebusika.