Amabhokobhoko azimisele ukuqhubela phambili nokuphumelela imidlalo kutyelelo oluseYurophu.
Image: AFP
Umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo, uRassie Erasmus, uvakalise uchulumanco emva kokuba iqela lakhe liphumelele umdlalo wokugqibela kulo nyaka. Oku kulandela emva kokuba Amabhokobhoko engcwabe iWales ngo'73-0 emdlalweni wovavanyo obubanjelwe ePrincipality Stadium, eCardiff, kwiveki ephelileyo.
Emva kokuphumelela imidlalo kutyelelo obeluseYurophu, ngoku uMzantsi Afrika uyibethelele indawo yawo phezulu kumanqwanqwa omdlalo wombhoxo kwihlabathi lonke. Yimidlalo emibini kuphela abethwe kuyo Amabhokobhoko kulo nyaka kwelishumi elinesihlanu phantsi kukaRassie Erasmus ongumanqanqa womqeqeshi owoyikwayo.
"Indonwabisile indlela esidlale ngayo. Khange siyijongele phantsi iWales emdlalweni nokuba indawo kumanqwanqwa ehlabathi," utshilo uRassie emva komdlalo ethetha neentatheli. Utsho esongeza ngokuncoma uAsenathi Ntlabakanye noZac Porthen ngokudlala ngokuzimisela emdlalweni abanikwe ithuba lokudlala kuwo eCardiff.
"Sidlale umdlalo omhle futhi oqoqoshekileyo. Bengenabo abadlali abakuyo yonke indawo. Ndicinga ukuba umdlalo wethu ubugqibelele ngoba umoya wethu ubusebaleni. Besidlala neWales ethanda ukuwulawula umdlalo," utshilo uRassie. Kanti naye uSiya Kolisi ubancomile abadlali emva kokwenza umsebenzi emdlalweni wokugqibela kule sizini.
"Xa ndingena ebaleni, andinalo ixhala ngoba ndingqongwe ngabadlali abaziinkokeli. Lo nto yenzeke ngenxa yobuchule obenziwa ngumqeqeshi wethu, uRassie Erasmus," utshilo uSiya emva komdlalo.
Amabhokobhoko enze umsebenzi omhle emdlalweni wokugqibela ishumi elinesihlanu lonke leziqwayi zabadlali lingekho. "Yinto enkulu ukudlala ngokuzimisela ukuze bancume abantu futhi babenethemba lokuhle eMzantsi Afrika," utshilo uSiya.
Okwenziwe kulo nyaka Kubeka uxinizelelo kubadlali boMzantsi Afrika ekulindeleke ulungiselele itumente elandelayo ukusukela kunyaka ozayo. URassie uvumile ukuba uEben Etzebeth ebelifanele ikhadi elibomvu emva kokuba egobhe umdlali weWales ngomnwe elihlweni.