ULucas Radebe uthi abantu mabazixhase izigqibo zikaBroos malunga nokukhetha iqela lesizwe.
Image: AFP
ULucas Radebe ubongoze abantu baseMzantsi Afrika ukuba bahloniphe kwaye baxhase izigqibo zomqeqeshi waBafana Bafana uHugo Broos xa kuthethwa ngokukhetha iqela labadlali.
Igqala lebhola ekhatywayo elalingumdlali wasemva, nowayengukapteni weqela lesizwe kwiitumente ezinkulu ezifana neAfrica Cup of Nations neNdebe yeHlabathi, liyababulela abalandeli abathile abathi makukhethwe uThembinkosi Lorch. Kodwa nangona engumdlali obalaseleyo uNyoso ngoku kwiqela lakhe laseMorocco iWydad Casablanca, uRadebe uthi uBroos kufuneka avunyelwe akhethe iqela akholelwa ukuba liza kwenza umsebenzi.
“Ndicinga ukuba sinabadlali abasemgangathweni,” uxelele i-Independent Media eDube, eSoweto, kukhenketho lwendebe yeTotalEnergies Africa Cup of Nations.
“Kucacile ukuba sifuna abona babalaseleyo ukuze bamele ilizwe, ukuze sizinike ithuba lokuphumelela [indebe], kodwa sisigqibo somqeqeshi ukuba ngubani amkhethayo azokudlala.
“Nguye olaziyo ikamva, apho asingise khona neqela kunye nesakhiwo seqela alifunayo. Nokuba uyamkhetha okanye akamkhethi, into entle kukuba siyayazi ukuba sinabadlali abasemgangathweni anokubazisa.”
Owayesakuba ngukapteni weLeeds United, owayedlalela iKaizer Chiefs apha ekhaya, uyayivuma into yokuba uLorch — ochazwa nguBroos njengomdlali omdala — usiphakamise ngenene isandla, kungoko kukhwazwa ukuba makathathelwe ingqalelo.
“Njengomntu wenze kakuhle, ingakumbi xa egxekwa ngethuba etshintsha amaqela. Kunzima kakhulu kumdlali xa ujongene naloo micelimngeni, kodwa uye wayilawula wabonakalisa isimilo, lo nto isinika ithemba kwaye yiloo nto esiyidingayo xa kuthethwa ngokhuphiswano olukhulu.”
Ukanti, eli gqala lomdlali wasemva lithi umqeqeshi uBroos kufuneka anikwe ithuba lokuthatha isigqibo.
“Kodwa xa sithetha inyani kuxhomekeke kumqeqeshi ukuba uyamzisa okanye akamzisi ngoba nguye ophetheyo, kwaye ayingoThembinkosi Lorch kuphela kuba kukho abanye abadlali abanomgangatho ofanayo abadlalela amaqela amancinane aseYurophu abanokuthi babizwe.
ULorch uphinde wafaka igowuli kule mpelaveki xa iWydad ibetha iOC Safi ngo’2-1 ngeCawe ukubethelela indawo yayo phezulu kweBotola Pro. Ufake igowuli kumdlalo wabo wangaphambili weligi kwaye ngoku ungcangcazelise umnatha amatyeli amahlanu kule sizini.