Ezemidlalo

URonnie Gabriel uthi iPirates isinde cebeshu emdlalweni weCarling Knockout Cup

Pedro Mapelo|Published

UGabadinho Mhango weRichards Bay noMbekezeli Mbokazi we'Orlando Pirates emdlalweni weCarling Knockout Cup obuseMoses Mabhida Stadium.

Image: Richards Bay

Nangona izinto zingayihambelanga kakuhle iRichards Bay - kodwa umqeqeshi uthi i'Orlando Pirates isindile emdlalweni odlulileyo ngoba ngekuthethwe enye into ukuba iqela lakhe belikwazile ukusebenzisa amathuba.

UGabriel uvakalise izimvo zakhe emva kokuba iRichards Bay iguqiswe phantsi yiPirates ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium, eThekwini, emalanga woMgqibelo odlulileyo.

Ishiyeke intywizisa iRichards Bay ngenxa yegowuli elinye emdlalweni elifakwe nguTshepang Moremi. Omabini amaqela ebezimisele ukuphumelela umdlalo. Ngelishwa layo iRichards Bay ebidlalela ekhaya, ayikwazanga ukuwasebenzisa amathuba avelileyo emdlalweni.

Nankubeni ongakwazanga ukuya phambili, umsebenzi ewenzileyo uyancomeka futhi uza kuyikhuthaza yenze ngcono emidlalweni yeBetway Premiership. Emva komdlalo, uGabriel uthe iqela lakhe likwazile ukuyisokolisa iPirates futhi isindile.

"Ndicinga ukuba sidlale kakuhle apha. Ukuba besiwasebenzisile amathuba ngesiphumelele apha," utshilo uGabriel emva komdlalo. "Kwisigaba sokuqala siyivumele iPirates yalawula umdlalo.

"Kodwa izinto ziye zajika kwisigaba sesibini ngoba umdlalo ulawulwe sithi. Sihlasele ngamandla sisiya phambili. Akhona amathuba esiwafumeneyo esingawasebenzisanga. Ndicinga ukuba umdlalo ngowuye kwixesha likasompempe ngoba besinalo ithuba lokuya emdlalweni wokugqibela.

"Asikwazanga ukuphumelela noxa ndicinga ukuba sidlale kakuhle. Umdlalo wanamhlanje ubonisile ukuba akukho qela esingenakulwa nalo. Indlela elibazise ngayo iPirates iyayibhenca ukuba ibiphantsi koxinizelelo. Siphoxekile - kodwa siza kuthatha esikwenze kakuhle sikuse emidlalweni yeBetway Premiership," utshilo uGabriel.