uAbdeslam Ouaddou ethetha neentatheli phambi komdlalo weCarling Cup ophakathi kwePirates neSiwelele FC.
Image: Itumeleng English/ Independent Newspapers
Emva komsebenzi omhle owenziwe yi'Orlando Pirates emdlalweni ogqithileyo, uAbdeslam Ouaddou, uvakalise uchulumanco olukhulu.
Oku kunzeke emva kokuba iPirates ibethe iRichards Bay ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCarling Knockout Cup obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium emalanga woMgqibelo odlulileyo.
Into ebangele avuye kakhulu umqeqeshi kukuba ukuya kwePirates kwisigaba sokugqibela seCarling Knockout Cup kuthethatha ukuthi ifumana ithuba lokuphakamisa indebe okwesibini kule sizini eqhubekayo.
Kwinyanga ezidlulileyo, iPirates iphakamise indebe yeMTN8 ityeli lesine - kodwa okokuqala phantsi kwakhe uAbdeslam Ouaddou ohleli esitulweni esitshisayo.
Ungene ekuqaleni kwesizini endaweni kaJose Riveiro omke eliqha kwiPirates ayishiye neendebe ezintlanu nangona wafika kukho nto phantsi kwegama lakhe.
UTshepang Moremi, oyinkathazo kakhulu kwiPSL, ngoyena mdlali oweze iPirates ebidlala neRichards ebizimisele ukuya phambili kwiCarling Cup ebithathwe yiMagesi FC eyabetha iMamelodi Sundowns kwisizini egqithileyo.
Emva komdlalo, uAbdeslam uvumile ukuba iPirates isokole kwiRichards ebizimisele emdlalweni. "Okokuqala, ndifuna ukuthi ndiyazidla ngabadlali bam emva kokudlala ngokukhalipha namhlanje," utshilo umqeqeshi emva komdlalo ethivini.
"Umdlalo ubunzima, yiyo le nto ndithi bebekhaliphile abadlali. IRichards Bay idlale kakuhle ngoba iqeqeshwa ngumqeqeshi okrelekrele. Besisazi ukuba siza kulwa kude kuphele umdlalo. Kunzima ukudlalela iindebe.
"Emva kokudlala neGolden Arrows kwiintsuku ezintathu ezigqithileyo, sibonile indlela ekunzima ngayo. Siya phambili kwiCarling Cup, sibulela inkxaso yabalandeli," utshilo uAbdeslam.