Ezemidlalo

Isahleli phezulu iSundowns ebambene nePirates emdlalweni wanamhlanje

Pedro Mapelo|Published

iMamelodi Sundowns ibambene ne'Orlando Pirates emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePitoli namhlanje emalanga.

Image: Mamelodi Sundowns

Nangona ingakwazanga ukuphumelela, iMamelodi Sundowns isahleli phezulu kwiBetway Premiership.

Oku kwenzeke emva kokuba iSundowns ibambene ngegwouli elinye macala ne'Orlando Pirates emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium namhlanje emalanga.

Umdlalo khange utake iintlantsi ngendlela ebilindelekile - mhlawumbi, ukungafuni ukubethwa kwawo kubenalo ifuthe. Amagowuli emdlalweni afakwe nguPeter Shalulile naye uCamren Dansin oshiye unozinti engathi ubanjwe ngumbane.

Isiqingatha esiqale ngezinga eliphantsi lomdlalo siphele wonke umntu emi ngeenyawo ebaleni. Amaqela aqale ngokucweya kucace gca ukuba akukho nalinye elifuna ukulahlekelwa. Kubekho kwiSundowns ukugqwidiza phaya naphaya ngoba uTeboho Mokoena ebengekho.

Nayo iPirates ayikwazanga ukusebenzisa iibhola zayo kwiindawo eziyingozi ebaleni. Ngokuhamba kwexesha amaqela aye aswabuluka abonakala edlala ngeendlela zawo eziqhelekile. Impazamo eyenziwe nguMoremi inike iSundowns ithuba elihle.

UPeter Shalulile ubhakuzelise umnatha emva kokudlalelwa ibhola entle nguArthur Sales oyigobe ekunene. Abadlali bePirates boyisiwe kukuchitha ibhola bebathathu phambi kukaShalulile ophinde waqaliswa umdlalo nguMiguel Cardoso othanda ukudlalisa u-Iqraam Rayners okhe wonzakala.

Emzuzwini wamashumi amathathu anane, uCamren Dansin ukhabe imbumbulu yebhola ekude wangcangcazelisa umnatha. Uve ngentswahla yabalandeli uRonwen Williams ebaleni.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla ebambene macala. Kwisigaba sesibini, uSeema uphose ithuba elihle lokubeka iPirates phambili. Iphola yakhe ivalwe nguWilliams owenze umsebenzi omhle.

Khaphandle kweebhola ezimbalwa eziye kuWilliams, khange kubekho mathuba acacileyo adaliweyo ngamaqela omabini. Ukubambana kwawo kuthetha ukuthi iPirates ayikwazanga ukoyisa iSundowns iminyaka eliqela ePitoli. Umdlalo uphele ebambene ngegowuli elinye macala.