Ezemidlalo

UDa Silva ungene wanceda Amakhosi emdlalweni weBetway Premiership

Pedro Mapelo|Published

Amakhosi abethe iDurban City emdlalweni weBetway Premiership obuseMoses Mabhida Stadium.

Image: KC/Facebook

Amakhosi agoduka encumile emva kokuzuza amanqaku amathathu. Oku kwenzeke emva kokuba ebethe iDurban City ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium namhlanje ebusuku.

Umdlalo uqale emva kwamashumi amathathu kwixesha ebelibekiwe ngenxa yabalandeli abafike kade ebaleni. Wona umdlalo utake iintlantsi kwa kwisigaba sokuqala - kodwa into angakwazanga ukuyenza amaqela omabini kukufaka ibhola emnatheni ebaleni ebeligcwele abantu.

Amakhosi awulawule umdlalo futhi ibingawo ahlasela bhetele kuneDurban City ebihleli emva - kodwa ijonge ithuba enokuqubula ngalo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini.

Abuye kwisigaba sesibini ehlaziyekile amaqela - kodwa kuye kwanyanzeleka ukuba kwenziwe iinguqu ukuze kufunquke umdlalo. Igowuli leKaizer Chiefs lifakwe nguDa Silva ongene endaweni kaGlody Lilepo kushiyeke imizuzu embalwa kuphele imidlalo.

UDa Silva wenze idemesha emva kokunikelwa ibhola ephucukileyo kuGaston Sirino. Amakhosi anyukele kwindawo yesithathu emva kokubetha iqela likaGavin Hunt ophume emdlalweni ephoxekile. USibongiseni Mthethwa, obeyinjini yeChiefs ufumene iwonga lomdlalo oqaqambileyo.