Ezemidlalo

Isonjululwe ingxaki ebikhonkxe umqeqeshi waBanyana Banyana!

Pedro Mapelo|Published

UMongameli weSafa, uDanny Jordaan, uthi ingxaki kaDesiree Ellis isonjululwe ngoku umsebenzi wakhe kukulungiselela iWAFCON ezayo.

Image: Independent

Ingxaki ebiphakathi kukaDesiree Ellis neSouth African Football Association (Safa) isonjululwe. Emva kokuba umqeqeshi etshitshilize ithuntyana ngenxa yokungevani neSafa ngemiba yengqesho, ngoku ubuyele emsebenzini wakhe.

Oku kudizwe nguMongameli weSafa, uDanny Jordaan, kule veki. Isivumelwano sengqesho sikaDesiree Ellis besinethuba elide saphelelwa. Noxa ebengayekanga ncam ukuqeqesha aBanyana Banyana - kodwa uye wabuya umva ngoba iSafa ibingamniki umvuzo omxolisayo.

Ilungisiwe lo nto emva kokuphoswa yimidlalo emibini ebalulekileyo. Ngethamsanqa, uMzantsi Afrika ukwazile ukuzibekela indawo kwiWomen's Africa Cup of Nations (WAFCON) ekunyaka ozayo.

"Umqeqeshi usityikityile isivumelwano sengqesho esitsha. Ndonwabile ngoba yonke into isonjululwe naye wonwabile," utshilo uJordaan emsithweni wokukhapha Amajimbos (Under-17) aye kwiFIFA World Cup eqala kwinyanga yeNkanga.

"Ngoku kufuneka sakhe aBanyana Banyana ngokuhlomela abadlali abatsha," utshilo uJordaan. UDesiree Ellis ngumqeqeshi oneminyaka eqeqesha aBanyana Banyana.

Emva kokuthatha iintambo kuVera Pauw ngo2016, uEllis ulise iqela lesizwe amatyeli aliqela kwiWAFCON, waphumelela iindebe zeCosafa amatyeli emaninzi walisa kabini kwitumente yehlabathi.

Amaqela esizwe oMzantsi Afrika aqhuba kakuhle ngoba onke athatha inxaxheba kwiitumente ezinkulu. Amajita abuya kwiWorld Cup, Amajimbos aya kwitumente yehlabathi, aBanyana Banyana baza kuthatha inxaxheba kwiWAFCON - kanti aBafana Bafana nabo baya kwitumente yehlabathi.