Ezemidlalo

UNasreddine Nabi wohlukene neKaizer Chiefs!

Pedro Mapelo|Published

Pressure to deliver UNasreddine Nabi uzichithile iintente eMzantsi Afrika emva kokwahlukana neKaizer Chiefs.

Image: BackpagePix

Iindaba ezingenayo zithi iKaizer Chiefs yohlukene nomqeqeshi wayo, uNasreddine Nabi. Ezi ndaba zidizwe yiDiski TV namhlanje ngale njikalanga. UNabi ugqibelisile emdlalweni weBetway Premiership ebethwe kuwo iChiefs ngamagowuli amathathu kwelinye izolo eFNB Stadium.

Xa Amakhosi edibana neqela laseAngola emdlalweni weCAF Confederation Cup, uNabi uza kube engekho esihlalweni. Kuthiwa ubuyela ekhaya eTunisia - apho ebebuya khona emva kokuvakala kweendaba zokonzakala komfazi wakhe engozini yemoto. UNabi uhamba kwiChiefs egwebe indlala ngokuphumelela iNedbank Cup kwisizini yakhe yokuqala.

Oku kwenzeke emva kweminyaka elishumi iChiefs ingazuzinto. UNabi wayicela iChiefs ukuba imfunele abadlali abasemgangathweni. Bekukhe kwavakala ukuba kukhona ukungakholwa kwicala labaphathi beChiefs yindlela umqeqeshi aziphethe ngayo phambi kokuqala kwale sizini. Akukacaci nokuba ukuhamba kwakhe akungqamenanga nezo zinto na.