UNolusindiso Booi ubeke phantsi embhoxweni emva kwetumente yalo nyaka.
Image: Shaun Roy/BackpagePix
UBabalwa Latsha noSyws de Bruin bamtyibele ngamazwi amnandi uNolusindiso Booi emva kokudlala umdlalo wakhe wokugqibela kwitumente yehlabathi yombhoxo. Oku bakwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika ubethwe yiNew Zealand wabuyela ekhaya.
Ngokwahlukileyo kweminye iminyaka, iSpringbok Women siphume kwitumente yehlabathi sincumile ngoba senze umsebenzi ongcono. Amantombazana oMzantsi Afrika aphumelele imidlalo emibini adlulela kumjikelo wesibini, into abeqala ukuyenza kwitumente yehlabathi.
UNolusindiso Booi, 40, onexesha elide enguKapteni ube yinxalenye yesiqalo esinzima nokukhula kwalo iqela lesizwe lombhoxo elisekhondweni elihle ngoku. Le ntokazi yaseXesi ikhokele iqela lesizwe kwitumente yehlabathi ibambisene noBabalwa Latsha.
Idlale imidlalo engamashumi amahlanu anesihlanu kwiqela lesizwe. Ubeka phantsi uBooi kamnandi ewubona umsobomvu obhenca inkqubela embhoxweni achithe iminyaka kuwo ezama ukuba ukhule.
"UNolusindiso ungumntu olungileyo futhi ongathathi icala. Lide ithuba edlala umbhoxo, nam ndifumene ithamsanqa lokudlala naye. Njengokuba edlale umdlalo wakhe wokugqibela, ndicinga ukuba ushiya umzila omhle kakhulu," utshilo uLatsha emva komdlalo weSpringbok Women.
UDe Bruin waleke umsundulo ngelithi uNolusindiso ebengumntu odibanisa wonke umntu kwiqela lesizwe. "Onjani yena uKapteni! Akekho ofana naye ngoba sonke besijonga kuye njengomntu obekwazi ukudibanisa abantu," utshilo umqeqeshi.
Kwelinye icala, khange akwazi ukuzibamba uNolusindiso ngenxa yokuvakalelwa. "Ndinemincili ngenxa yenkqubela eyenziwe liqela lesizwe. Yinto enkulu le yenzekileyo kuthi kule tumente yehlabathi ngoba zange yenzeka ngaphambili," utshilo uNolusindiso.
"Ndinethemba lokuba amantombazana aza kulwa aye phambili nomsebenzi omhle. Senze umsebenzi omhle kule tumente. Ngoku lithuba labantu abatsha lokuthatha baye phambili," uvale ngaloo mazwi uNolusindiso.