UNasreddine Nabi ethetha neentatheli emva kokuba iKaizer Chiefs ibethwe yiSekhukhune United emdlalweni obuseFNB Stadium.
Image: Itumeleng English
Emva kweminyaka ebalekayo kunzima, Amakhosi abuyela kwiCAF Confederation Cup engciphuza kule veki. Oku kuza kwenzeka xa edibana neKabuscorp emdlalweni oza kube useAngola ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo.
Kwenzeka kakubi oku Amakhosi eqhwalela emva kokuvuthululwa yiSekhukhune United ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni obubanjelwe eFNB Stadium kubusuku bangoLwesibini kule veki. Ilahlekelwe ngumdlalo okokuqala iKaizer Chiefs kule veki kwiBetway Premiership.
Ngaphandle kwamathandabuzo, uNasreddine Nabi ebengathanda ukuqala imidlalo yeCAF abadlali bakhe bekhuthazekile. Uvumile emva komdlalo ukuba Amakhosi abethiwe yiSekhukhune United watsho esithi akukho sizathu sakuxhalaba.
"Asifumananga iziphumo ebesizifuna ngoba senze iimpazamo ezininzi ezibangele kufakwe igowuli kuthi," utshilo uNabi emva komdlalo eFNB Stadium. Nangona kusekho iindawo ezibonakalayo ukuba zifuna ukuqiniswa, umqeqeshi uthe akukho sizathu sakuxhalaba.
"Asihlaselanga ngendlela eyanelisayo konke konke. Sikwazile ukudala amathuba emdlalweni – kodwa asikwazanga ukuwasebenzisa. Ndifuna ukuthi iSekhukhune iwafanele amanqaku amathathu ewafumeneyo. Okwenzekileyo akuyiyo ingozi enkulu ngoba isizini isaqala noko.
"Ngoku kufuneka sizivuthulule silungele iCAF Confederation Cup ngoba kuyo uyakhutshwa ukuba awuqhubanga kakuhle emidlalweni emibini. Siza kuthetha nabadlali ukuze balibale ngokwenzeke kulo mdlalo ngoba kufuneka siqhube kakuhle emdlalweni esiya kuwo," utshilo uNabi.