IChippa United ingcwabe i'Orbit College emdlalweni weBetway Premiership namhlanje eBuffalo City Stadium.
Image: Yanga Nothanga/Maya Images
Zehlile izibilini kubalendeli beChippa United emva ngokuzibethela i'Orbit College ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium namhlanje ebusuku. Impumelelo yokuqala iyisusile iChippa emsileni kwehla iqela laseNorth West.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChippa United uhamba phambili ngegowuli elinye eqandeni. Igowuli lithe gqi phakathi kwisigaba sokuqala ngonyawo lukaXolani Sithole onshiye enabile unozinti we'Orbit College. Umdlalo uqale ngezinga eliphantsi kakhulu.
Okuye kwacaca kukuba omabini amaqela adlalela ukungabethwa emdlalweni. Kodwa iindwendwe zikhe zamxakekisa uStanley Nwabali okhe waphuma amatyeli amabini ekhawulela iibhola esazulwini sebala. Ukufumana kweChippa kwenze yadlala ngokuzinzzileyo ebaleni.
Abuyele ebaleni kwisigaba sesibini athatha apho ayeke khona kwisigaba sokuqala somdlalo. Uxinizelelo belukwi'Orbit College ngoba ibihamba emva. Izamile ukusukela - kodwa iibhola zayo bezifika zingenamandla kuNwabali ezipalini. Sekusondele ixesha lokuphela komdlalo, uJustice ufake igowuli lesibini leChippa United - kodwa iye yalifumana igowuli lokubika elifakwe nguSiyabulela Mabele.