Abadlali beqela lesizwe lombhoxo bebonisa isikipha ezitsha phambi kokuqala kwesizini.
Image: Pick n Pay
Enye yeenkampani ezaziwayo eMzantsi Afrika ithathe isigqibo sokuba iqhogane neqela lesizwe lombhoxo. UPick n Pay waziswe njengomxhasi ophambili weSpringboks kulo nyaka phambi kokuqala kwesizini entsha.
Kunokwenzeka ukuba oku kothuse abantu abaninzi ngenxa kaPick n Pay utsala nzima kwicala lezoshishino. Nangona kunjalo, iNgqonyela kaPick n Pay ithe uphawu levenkile oluthe nca kwizikipha zaMabhokobhoko libonisa ukuzibophelela kwabo kuphuhliso lombhoxo eMzantsi Afrika.
Emdlalweni obuphakathi kwaMabhakobhoko neBarbarians, igama likaPick n Pay belibhalwe okokuqala ezikipheni ezitsha ezivezwe esidlangalale kwiveki ephelileyo. "UPick n Pay uyazingca ngokuba ngumxhasi waMabhokobhoko kude kube ngunyaka ka2027," itshilo ingxelo.
"Njengomxhasi wombhoxo, senze utyalomali kwiSpringboks njengophawu olucacisa ukuzibophelela kwethu kuphuhliso lomdlalo wombhoxo eMzantsi Afrika. Kuluvuyo kuthi ukuveliswa kwezikipha ezitsha zibhalwe igama lethu.
"Uphawu lethu limele ukunyamezela, ubumbano nokuzingca okuzizinto ezihambelana nabantu baseMzantsi Afrika," utshilo uSean Summers oyiNgqonyela kaPick n Pay. "Abantu baseMzantsi Afrika abawubukeli nje kuphela umbhoxo, yinto abayiphilayo.
"Umbhoxo udibanisa abantu ndawonye kwiindawo abakuzo. Igama lethu ezikipheni zeqela lesizwe liqaqambisa ubumbano. Sikholelwa kakhulu ukuba ezemidlalo ziyabadibanisa abantu futhi siyakuvuyela ukuba yinxalenye yaMabhokobhoko. Siwanqwenelela okuhle kodwa phambi kokuqala kwesizini entsha," utshilo uSummers.
Amabhokobhoko abhulele amasaka iBarbarians ngo'54-7 emdlalweni obutshayelela isizini entsha eDHL Stadium, eKapa. Iqela likaRassie Erasmus liza kube lichukumisa isizini entsha xa lidibana ne-Italy emdlalweni ekulindeleke ukuba kudlane iintsimbi kuwo ePitoli emalanga ngoMgqibelo wale veki.
Nangona abadlali benze umsebenzi omhle emdlalweni obuseKapa - kodwa umqeqeshi uza kuqula aligangathe ngamakhwenkwe amadal phambi komdlalo ozayo ngoba ubalulekile kakhulu.