Ezemidlalo

Amakhosi anunuswa ngabadlali simahla, ngapha nangapha!

Pedro Mapelo|Published

UDr Kaizer Motaung esamkela indebe yeNedbank ephunyelelwe nguNasreddine Nabi kwisizini egqithileyo.

Image: Kaizer Chiefs

Umphathi wabadlali bebhola ekhatywayo owaziwayo, uMike Makaab, uxelele abalandeli bakhe kwikhasi lonxibelelwano ukuba uyixelele iKaizer Chiefs ngokufumaneka kukaSipho Mbule okhangenalo iqela.

Oku kwenzeke emva kokuba iMamelodi Sundowns igqibe kwelokuba imkhulule uMbule noRivaldo Coetze ekupheleni kwenyanga ngenxa yokuphelelwa kwezivumelwano zabo zengqesho. "Ndiyixelele iChiefs ukuba uyafumaneka uMbule ukuba iyamfuna," utshilo uMakaab kwikhasi lonzibelelwano.

Nangona kunjalo, utshilo kodwa ukuba isigqibo sakuthathwa yiChiefs ukuba ibona ingumdlali emdingayo. Oku kununuswa ngabadlali abangenawo amaqela kwenzeka uNasreddine Nabi emaxhaphetshu ekhangela abadlali abanokuqinisa iChiefs evale isizini ikwindawo yethoba okwesibini amatyeli elandelelana.

Abalandeli abayithandanga lo nto ngoba iChiefs liqela elikhulu eMzantsi Afrika. Nakubeni uMbule noCoetze ingabadlali abasemgangathweni ophezulu - kodwa ziingxaki zabo ezingabalekisa amaqela angasondeli kubo. UMbule udume ngokungakwazi ukuziphata kakuhle.

Iphele isizini sele ekhatyelwe ngaphandle yiSekhukhune United ngexa yokungalawuleki kwakhe. Kanti nayo iSundowns yabolekisa ngaye ngenxa yoxakwa. Yena uCoetze ngumdlali engamthatha iChiefs - kodwa ingxaki kuye kukonzakala oko.

Kukhangeleka ngathi Amakhosi amngxolisile uMakaab ngoba uphinde waxolisa ngokuthetha esidlangalaleni ngeChiefs. Kwelinye icala, iChiefs kuthiwa ixelelwe nguRowan Human ongenalo iqela. UHuman ebedlalela AmaZulu - kodwa akanalo ngoku iqela emva kokuhamba kuwo kwiveki ephelileyo.

Iindaba ezijikelezayo zithi Amakhosi nePirates zazisiwe ngoHuman oneminyaka engamashumi amabini anesine. Usuthu lumyekile wahamba ngoba akavumanga ukuvuselela isivumelwano sengqesho esitsha nangona edlale kakuhle kwisizini egqithileyo. Ngumdlali ekungeke kuphele inyanga engenalo iqela ngoba udlala kakuhle kakhulu - kodwa akukacaci ukuba uza kuya kweliphi iqela.