Ezemidlalo

UNabi uphawula ngokuhewulwa kukaChivaviro ngabalandeli beChiefs

Pedro Mapelo|Published

UNasreddine Nabi ngumqeqeshi oyintloko kwiKaizer Chiefs.

UNasreddine Nabi ngumqeqeshi oyintloko kwiKaizer Chiefs.

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uNasreddine Nabi, uzityande igila ngokwenzeke kwabanye babadlali bakhe emdlalweni ogqithileyo. Ifolosi yeChiefs iye yalixhoba lokuhewulwa ngabalandeli emva kokuphosa amathuba aye waziphindisela kamva emva kokufumana kwakhe igowuli emdlalweni. Ethetha emva komdlalo, uNabi uqinisekisile ukuba ngumsebenzi wakhe ukukhusela abadlali bakhe.

Oku kwenzeke emdlalweni weCarling Knockout obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane - apho Amakhosi avuthulule iSuperSport United ngamagowuli amane eqandeni. Amagowuli aphumelele ngawo Amakhosi afakwe nguGaston Sirino obelizinyo eliqaqambayo kwisigaba sokuqala somdlalo. UYusuf Maart ufake igowuli lesibini kwisigaba sesibini somdlalo.

Yena uRanga Chivaviro ufake elakhe waze wabethelela isikhonkwane uAshley Du Preez ngelokugqibela. Kuye kwanyanzeleka uNabi axelele uChivaviro ukuba kuzawulunga emva kokuphosa ithuba engelincede iChiefs kwangoko emdlalweni. Abalandeli khange bayithande into yokuphosa kwakhe ithuba. Emva kokufaka kwakhe igowuli emdlalweni uye wathi mabavale umlomo.

Khange bayithande naleyo abalandeli beChiefs abakhe bahlalisa kakubi uKingston Nkatha kwimiinyaka eyadlulayo kusaqeqesha uStuart Baxter. "Luxanduva lam njengomqeqeshi ukukhusela abadlali, ngakumbi ngamaxesha anzima. Asikwazi ukuziphatha njengabalandeli. Yiyo lo nto ndingamkhuphanga emva kokuphosa amathuba.

Ndimxelele ukuba makabeke ingqondo yakhe emdlalweni ngoba uza kulifumana igowuli. Ndiye ndonwaba kakhulu xa efumana igowuli lakhe," utshilo umqeqeshi emva kowona mdlalo weCarling Knockout obubukelwe ngabantu abaninzi ngempelaveki egqithileyo. Nakubeni engakwazi ukusebenzisa onke amathuba awafumanayo emidlalweni - kodwa kwelinye icala, sele efake amagowuli amane emidlalweni yale sizini.

Kufuneka azame ukuzibamba uChivaviro xa exhokonxwa ngoba abalandeli beChiefs banomkhwa ombi wokubachwethela ecaleni abadlali xa bengabathandi. Baye babadlalise kakubi ngokubahewula xa benze iimpazamo emidlalweni. Amakhosi alungiselela ukudibana neSuperSport United kwakhona - kodwa kweli iyeli, emdlalweni weBetway Premiership.