Idlulela phambili iStellenbosch FC emva kokuba ibethe AmaZulu ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weCarling Knockout obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium namhlanje ebusuku. Umdlalo ubumhle kakhulu ngoba omabini amaqela ayilwele impumelelo - kodwa ngelishwa, AmaZulu awiswe phantsi ligowuli elifakwe nguDe Jong oyingozi kwixesha elongezelelweyo. Kuye kwanyanzeleka ukuba usompempe ongeze ixesha emva kokuba umdlalo uphele amaqela ebambene ngo'1-1.
Umdlalo ubunomtsalane kwisigaba sokuqala. Omabini amaqela aqale umdlalo efuna ukuphumelela, ngakumbi iStellenbosch eziintshatsheli ezikhusela indebe. Bekulindeleke ukuba AmaZulu azibonakalise njengokuba ephantsi kwesandla samadoda amabini - uArthur Zwane noVusumuzi Vilakazi. Ifake ixinizelelo kwangoko emdlalweni iStellenbosch, anyanzeleka AmaZulu ukuba adlalele emva. URichards Ofori, osuka kwi'Orlando Pirates, uvale ibhola ebimbi kakhulu emzuzwini weshumi.
Emva kwemizuzu emibini, uRichards Ofori uvale enye ibhola embi ebikhatywe nguCupido - ifolosi eyinkathazo ebibotshwe noDe Jong phambili. Phakathi kwisigaba sokuqala, uTitus ufake igowuli elihle emva kokuba abadlali baMaZulu bengakwazanga ukukhusela iipali zikanozinti. Okuthe kwagqama kukuba AmaZulu ebezilahla iibhola zawo esekude emhlabeni oyingozi. USage Stephens ebesekhifini kwisigaba sokuqala ngoba akukho kwabhola ekhatyelelwe kuye ebikhe yamxakekisa.
Nakubeni uCupido ezamile ukufumana igowuli kwangoko kwisigaba sesibini - kodwa AmaZulu adlale bhetele kakhulu. Usuthu lifumene igowuli lokulinganisa ngebhola efakwe nguMoremi emzuzwini wamashumi amahlanu anesibini. Omabini amaqela azamile ukulwela impumelelo kwisigaba sesibini somdlalo. Kwakhona AmaZulu ahlangulwe ngu-Ofori ezipalini. Ngelishwa lawo, uAndrea de Jong ufake igowuli ephumelele ngalo iStellenbosch.