Nakubeni zibonakala iintlantsi ezithembisayo kwiKaizer Chiefs kule sizini intsha - kodwa umqeqeshi wayo unezinto asakhala ngazo. UNasreddine Nabi ukuvakalise oku ngempelaveki emva kokuba iChiefs iphumelele iCufa Cup. Amakhosi ebethe iMarumo Gallants ngo'4-3 kwiipenela emdlalweni ophele kungekho magowuli eToyota Stadium, eBloemfontein.
Umdlalo ubunzima ngoba omabini adlalele ukungabethwa emdlalweni oncede amaqela omabini njengokuba imidlalo yeBetway ibisathe nqumama ngenxa yemidlalo ephantsi kukaFifa. UBruce Bvuma ubuyele eGoli eliqhawe ngenxa yeepenela ezimbini ezithinteleyo ukuze kuphumelele iChiefs ekuxhokonxwe umdla wayo weendebe phambi kokuqala kweCarling Knockout kule veki.
Amakhosi akwazile ukudala amathuba kuzo zozibini iziqingatha zomdlalo - kodwa akakwazanga ukuwasebenzisa kakuhle. UNabi uvumile ukuba umdlalo ububambene wazamkela neziphumo zomdlalo. "Ibingumdlalo obambeneyo kakhulu. Eyona nto intle kukuba siphumelele indebe," utshilo uNabi emva komdlalo kuSABC Sport.
"Sifumene amathuba amaninzi kakhulu emdlalweni ngokufanayo nangokuya besidlala neSundowns - kodwa asakwazi ukuwasebenzisa. Xa ndibethiwe emdlalweni, andikwazi ukulala. Nantso ingxaki yam. Mna ndifuna ingene ezingqondweni zabadlali into yokuphumelela imidlalo. Sikhe asadlala kakuhle phakathi emdlalweni.
“Siyinike ithuba lokulawula umdlalo iMarumo Gallants. Ayamkelekanga lo nto kum," utshilo uNabi onomsebenzi onzima wokuvusa elona qela elixhaswa kakhulu eMzantsu Afrika. Amakhosi aza kujongana neSuperSport United emdlalweni weCarling Knockout ekulindeleke ukuba ube nzima ePeter Mokaba Stadium emalanga ngoMgqibelo.
UNabi akayithandanga indlela iqela lakhe elidlale ngayo eBloemfontein phambi kokujongana noGavin Hunt olutshaba olukhulu leChiefs. "Siza kudlala neSuperSport emva kokuphinda iimpazamo emdlalweni wethu. Mhlawumbi umqeqeshi wayo ebewubukele umdlalo. Ukuba kungenzeka siye kwiipenela, kwakunyanzeleka ukuba zikhatywe ngabanye abadlali," utshilo uNabi emva komdlalo.