Ezemidlalo

Uza kuzama kwakhona uNontshinga oguqiswe phantsi nguYabuki!

Pedro Mapelo|Published

Emva kokuphunza kwelinge lakhe lokukhusela intshinga yakhe ye-IBF light flyweight okwesibini, uSivenathi Nontshinga uthembise ngelithi uza kubuyela eqangeni azame kwakhona. Le mbethimanqindi yaseMonti ibuyela ekhaya ithokombise intloko emva kokubethwa nguMasamichi Yabuki emlweni obuseNagoya, eJapan.

UNontshinga unikezele kumjikelo wethoba emva kokonganyelwa yimvula yamanqindi kaYabuki. Phambi kokupheliswa komdlalo, uNontshinga uwiswe kathathu emlweni obunzima. Emva komdlalo, uNontshinga uvumile ukuba imbethimanqindi yaseJapan iphumelele ngokufanelekileyo emva kokungaphumeleli kweenzame zakhe.

"Kufuneka ndibuye umva kwakhona ndiyokwenza izilungiso. Into emnandi ngam kukuba ndithobekile futhi ndinengqondo efundisekayo. Ngeke ndikuvumele okwenzeke apha kuchaze umntu endinguye," utshilo uNontshinga emva kokuphuncukwa intshinga yakhe awayifumana nzima. Izinto khange zimhambele kakuhle ngoba uYabuki usebenzile.

Uthe kukhe kwathi siba kancinci engqondweni yakhe emdlalweni emva kokuhlatyaniselwa linqindi ezama ukuziphuthuma. "Ndidibene nenqindi ndingalindelanga. Kukhe kwathi siba engqondweni andabona ndizama ukujonga ekoneni yam. Yingxolo qha into ebendiyiva. Kuphumelele eyona ndoda egqwesileyo eqongeni.

“Ndiza kuqhubela phambili nokuzilolonga. Yimbetheko yethutyana le. Liyeza ixesha lokuba ndibe yintshatsheli okwesithathu. Oku ayikokuwa kwam, lithuba lokuba ndifunde. Ndiza kubuya ngamandla," utshilo uNontshinga emva komlo eJapan.

Ukukhubeka kwakhe endleleni akungeke kumbulale uNontshinga ngoba akaqali ukuwa futhi uyazi ukuba kwenziwa njani xa umntu efuna impumelelo. Nakubeni ezamile ukuxhathisa eJapan - kodwa ufike endodeni ebizilungiselele kakuhle.

"Kwenzekile okwenzekileyo. Andinazo iintloni ngokubethwa kwam. Ndisemncinane, ndiza kuzivuthulula ndiye phambi kwakhona," utshilo imbethimanqindi ephantsi kukaColin Nathan ovumile ukuba ushiyeke ephoxeke kakhulu. UNathan uthe uyaziqhenya kodwa ngomsebenzi kaNontshinga.