Ezemidlalo

UThapelo Morena uthi kufuneka bavale amazibuko aBafana Bafana

Pedro Mapelo|Published

UThapelo Morena ucele oogxa bakhe ukuba bavale amazibuko xa uMzantsi Afrika udibana neCongo Brazzaville emdlalweni ohlakulela iAfrica Cup of Nations ngomso. La mazwe mabini aza kuvana amandla emdlalweni obekelwe intsimbi yesixhenxe ngorhatya eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, ngoLwesihlanu.

ABafana Bafana baya emdlalweni obalulekileyo befuna amanqaku apheleleyo ukuze banyukele phezulu kuGroup K. Enye yezinto ezixhalabisayo ekufuneka baziqhoboshe uMzantsi Afrika kukufakwa kwamagowuli kubo. Emidlalweni ebikwinyanga egqithileyo, kufakwe amagowuli amane onke kubo. Yingozi lo nto ngoba yenza kube nzima ukuphumelela imidlalo.

Nakubeni kunjalo, aBafana Bafana baya emdlalweni bekhuthazekile emva kokuba bebethe iSouth Sudan ngo'3-2 emdlalweni ogqithileyo. Phambi kwalowo umdlalo, babambene ne-Uganda ngo'2-2 eSoweto. Amalungiselelo kaHugo Broos aphazanyiswe kukungabikho kukaThalente Mbatha owonzakeleyo noJayden Adams ogxothiweyo ngumqeqeshi.

UMorena uvumile ukuba iqela lesizwe loMzantsi Afrika kufuneka livale onke amazibuko emidlalweni wangomso. "Okubalulekileyo kuthi kukuba umqeqeshi usixelele ngayo yonke into ngeqela esiza kudlala nalo. Siwenzile nathi amalungiselelo futhi siyazazi iindawo ekufuneka siqinise kuzo emdlalweni wethu," utshilo uMorena kwiSafa.net.

"Sikhe sawubukela umdlalo weCongo. Into efunekayo kwelethu icala kukwenza kakuhle futhi siqinisekise ukuba siwasebenzisa kakuhle amathuba avelayo. "Ibaluleke kakhulu lo nto. Enye into ekufuneka siyibeke phambili kukudlala kakuhle emva kungavuzi amagowuli. Yeyona nto ethande ukusiphazamisa leyo emidlalweni egqithileyo.

“Kubalulekile ukudlala kakuhle ukuze sifumane amanqaku apheleleyo. Usibonisile umqeqeshi ejimini indlela ebesikade sidlala ngayo futhi wayibethelela into ethi kufuneka sibuyise la mgangatho ebesikuwo kwiAfcon. Sithethile singabadlali savumelanga ukuba kufuneka siphucule umdlalo wethu sinike abalandeli bethu ithemba," utshilo uMorena.