USage Stephens ngunozinti weStellenbosch FC. Umfanekiso: Facebook
Unozinti weStellenbosch FC, uSage Stephens, uthi i'Orlando Pirates iza kudibana neentanga zayo namhlanje emdlalweni weMTN8. Namhlanje ngorhatya, iStellenbosch iza kudibana nePirates emdlalweni weMTN8 oza kube ujongwe ngamehlo abomvu eMoses Mabhida Stadium. UStephens uthi ulindele umdlalo obambeneyo ngoba amaqela adlala kuhle omabini. IStellies iza kulwela ukuphumelela iMTN8 okokuqala. Kanti yona iPirates ifuna ukuyithatha okwesithathu eminyakemi emithathu.
Njengokuba abantu abaninzi becinga ukuba iPirates iza kuphumelela, iStellies iza kuya emdlalweni ifuna indebe nayo. Ukuzithemba kufunqukile kumadlali bayo iStellenbosch ngoba kunyaka ophelileyo iphumelele indebe yeCarling Knockout okokuqala. Ngoku iqela likaSteve Barker ligxeleshe eyesibini. Nangona ithengise abadlali bayo abaphambili - kodwa iStellenbosch iseluqilima. Emva kokuwisa iMamelodi Sundowns kwinyanga ephelileyo ngoku ifuna ukuwisa iPirates ithathe indebe.
"IPirates inomqeqeshi owenza umsebenzi omhle. Lo nto ibonakala kwindlela edlala ngayo ebaleni," utshilo uStephens ophakathi kwabadlali ekulindeleke bayisokolise iPirates emdlalweni wanamhlanje. "Into endiyibonayo kukuba akufakwa magowuli lula kuyo iPirates. Xa ihlasela, isebenzisa amendu endicinga ukuba yeyona nto eza kusisokolisa. Kodwa nakwelethu icala sinabo abadlali abanetalente. Siyafana nayo iPirates ngoba akufakwa magowuli kuthi. Abadlali basemva baqinile," utshilo uSage.
Nakubeni iyiqale kakubi imidlalo yeBetway Premiership - kodwa iStellenbosch FC ikhawuleze yenza izilungiso. Iqhuba kakuhle nasemidlalweni yeCAF Confederation Cup. "Yinto eyenzeka kanye le siya kuyo. Iqela elizimiseleyo lelona eliza kuthatha indebe. Amava esiwafumene eKinshasa asilungiselele kakuhle. Ibala laligcwele futhi sidlala siphantsi koxinizelelo. Ebaleni eligcweleyo, ngeke kube lula - kodwa ndicinga ukuba iza kusikhuthaza lo nto nathi kwelethi icala," utshilo uSage Stephens.