Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, uthi akaboni nto enokubangela iqela lakhe lingakwazi ukuphumeleli indebe yeBetway Premiership. Onke amaqela, ngokwahlukana kwayo, aza kudlala imidlalo kwiindawo ezahlukeneyo eMzantsi Afrika. Nangona iSundowns iziintshatsheli ezikhuselayo - kodwa iqala isizini iqhwalela emva kokungadlali kwayo kakuhle kwiMTN8 Cup ebethwe kuyo yiStellenbosch FC eza kudibana ne'Orlando Pirates emdlalweni wokugqibela.
Abantu abaninzi bakhwinile emva kokujonga indlela edlale ngayo iSundowns emidlalweni yeMTN8. Kukho abamgxekayo uManqoba ngelithi bekungekho mfuneko yakuswaya kwindlela yokudlala kaRulani Mokwena oqeqesha iWydad Athletic Club yaseMorocco ngoku. Eyona nto ebonakele iyingxaki enkulu emidlalweni emithathu yeMTN8 kukungafaki amagowuli emnatheni. UPeter Shalulile, obelithemba ixesha elide, uyasokola kwicala lokufaka amagowuli. Nakubeni kunjalo, akoyiki uManqoba.
Kutshanje uvumile ukuba iSundowns ayikangeni egiyeni ngendlela afuna ngayo - kodwa wathi abantu mabathobe imimoya ngoba akukho nto yonakeleyo. Uza kuqala isizini abantu abaninzi bemakhele umkhanyo futhi benombuzo omnye othi: ingaba uza kwenza ngcono na kuMokwena? UManqoba kufanele anikwe ithuba eloneleyo njengabaqeqeshi bonke - kodwa kunzima kwiSundowns ngoba kufuneka iphumelele yonke into ukuze ikwazi ukuthethelela imali eyichitha ekuthengeni abadlali abaninzi.
"Enyanisweni, sinabadlali aboneleyo. Apha kwiSundowns sonke sisebenza ngokuzinikela. Sinikwe zonke izixhobo eziza kusinceda siphumelele futhi sazi yonke into ngamaqela esiza kudlala nawo," utshilo uMngqithi, ogxininise ukufakwa kwamagowuli njengeyona nto ephambili phambi kokudlala umdlalo wokuqala weBetway Premiership. "Asinazo izizathu zokuthi asizukwazi ukuphumelela indebe yeBetway Premiership. Yonke into esiyidingayo sinayo. Into efunekayo kuthi kukulwa siphumelele imidlalo yethu," utshilo uMngqithi.