Ikamva lika-Aphelele Teto lihlangulwe yiChippa United lisecicini lokubhanga eScotland. Phambi kokusongwa kweveki egqithileyo, iChippa ibhengeze uTeto njengomnye wabadlali bayo abatsha. UTeto, 21, ebengumdlali weLivingston FC yaseScotland.
Yamthatha kunyaka ophelileyo kwiTS Galaxy emva kokungafunwa kwakhe nguSead Ramavic. Lo mdlali waseMonti ubuyele eMzantsi Afrika ngelikhangela ithuba elitsha lokuvuselela isakhono sakhe emva kokungadlali ixesha elide eScotland.
Into ebangele uTeto angakwazi ukudlala eScotland kukuba iScottish Football League yalile ukumnika imvume yokudlalela iLivingston FC. Akucaci kakuhle ukuba yintoni ingxaki ebangele isicelo sokusebenza kwakhe singamkelwa ngabasemagunyeni kwela lizwe.
Ngokutsho komqeqeshi weLivingston, uDavid Martindale, iqela likhethe ukubolekisa ngaye uTeto kwiqela laseMpuma Koloni emva kokungakwazi ukufumana amaphephamvume okusebenza. Ibikokwesibini kuzanywa ukubhalisa umdlali kungalungi.
"Kuye kwanyanzeleka ukuba simkhangelele iqela anokulidlalela uTeto phambi kokuqala kwesizini entsha. Siphoxekile emva kokukhatywa kwesicelo sethu ngabasemagunyeni. Kuye kwanyanzeleka ukuba iqela limkhangelele enye indawo anokudlala kuyo.
“Simnqwenelela okuhle uTeto kwiChippa United," utshilo uMartindale kwikhasi lomnatha leqela lakhe. Ekuhambeni kwakhe uTeto, kwakukho ithemba lokuba uza kukhula ngakumbi ngoba ungomnye wabadlali abatsha ababukhali.
Bebonke abadlali abatsha kwiChippa bane. Phakathi kwabo kukho uAndile Jali owaziwayo kakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika. Oku kwenzeka emva kokuba kwelinye icala iChippa United ikhulule ishumi elinesithandathu lonke labadlali.
Kunokwenzeka ukuba baliqela abadlali abasezayo ngoba baninzi abadlali abakhululwe ngamaqela adlala kwiDStv Premiership. Emva kweminyaka, iChippa khange ilwele ukusinda ezembeni kwisizini egqithileyo ebambe kuyo indawo yeshumi.